NguMalema okanye uZille onokuphatha iUCT?

ZIYABETHABETHANA izimvo zabafundi beYunivesithi yaseKapa (UCT) malunga nokuba kufanele ibe ngubani oza kubangumphathi omkhulu wale yunivesithi phakathi koJulius Malema noHellen Zille.

Oza kutyunjwa phakathi kwabo uza kuthatha isikhundla sikatshayintsila (chancellor) uGraca Machel noza kubeka phantsi ekupheleni kwalo nyaka xa kuphela ixesha lakhe elimisiweyo.

Ukushiya kukaMachel esikhundleni kuza kuthetha ukuba le ndawo iza kushiyeka ingenamntu. Yiyo lo nto ke kuye kwaphakanyiswa amagama wesi sibini ukuze omnye wabo athathe apho ashiye khona.

Kodwa kukhangeleka ngathi lowo uza kuthi atyunjwe kuza kufuneka akholise wonke umfundi walapha.

I-UCT inembali yocalucalulo ngokobuhlanga. Kulapho uqhankqalazo lokuwiswa komfanekiso oqingqiweyo kaCecil Rhodes (RhodesMustFall) lwaba ngundabamlonyeni kwihlabathi jikelele ngo2015.

Injongo yolu qhankqalazo yayingekokuwisa lo mfanekiso kuphela. Abafundi abamnyama babefuna ukuba kuxatyiswe abahlohli abamnyama njengabo bamhlophe, kutshintshwe nendlela ekufundiswa ngayo.

Umbhalisi waseUCT, uRoyston Pillay, uthi esi sikhundla sifanele umntu onesidima, onobuntu obusemgangathweni nentembeko.

Unongxowa weSRC eUCT, uKamvelihle Tabata uthe, uMalema makatyunjwe njengomphathi ngenxa yezizathu ezininzi eziquka nokuba uzimisele ukuza notshintsho eluntwini.

“Ukuba ngenene iUCT iyafuna ukutshintsha asikho isizathu sokuba bangamonyuli uMalema, ingakumbi xa uthathela ingqalelo imeko yezopolitiko kweli lizwe. Ukhokela umbutho omkhulu okhula ngokukhawuleza,” utshilo.

Usihlalo weDA Students Organisation uCaleb Kay ufuna kungene uZille. Uthe baza kuqalisa ngenkqubo yokumonyula.

UKay uthe uZille udlale indima enkulu ekuphuhliseni ilizwe, ingakumbi iNtshona Koloni apho iUCT ime khona.

UPillay uthe ukonyulwa ngembalelwano kufuneka kutyikitywe ngabantu abangama20 ubuncinci kodwa bangagqithi kuma30. Umntu ngamnye kwabo baza kutyikitya kufuneka abe lilungu labo bathatha izigqibo (convocation) okanye abe ngumfundi waseUCT.

Umhla wokuvalwa kokufakwa kwamagama ngumhla wesixhenxe kweyeSilimela.

Amagama athunyelwa ku: The Registrar, University of Cape Town, Private Bag X3, Rondebosch, 7701 okanye kwa: registrar@uct.ac.za