Ngumbela: ‘UThixo undisekelele gqitha ngokwaneleyo’

EBEYINTSIKA kwabezoshishino, eyintsika kwabezemidlalo, eyintsika kwabezopolitiko – okanye masivele sithi kubantu bonke kuba nabantu buqu bebembiza ngolo hlobo besithi nguBantubonke.

Lowo nguAdvocate Mthetheleli Ngumbela (81), obesaziwa kakhulu njengoBaw’ uNdlovu (isiduko sakhe) nobhubhe kwingozi yemoto phakathi kweDutywa neGcuwa kwiveki ephelileyo.

NgoLwesithathu ibiyinkonzo yesikhumbuzo yalo somashishini nososisa ebibanjelwe edolophini eDutywa naseGcuwa.

Advocate Mthetheleli Ngumbela

USodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda uthi mhla babikelwa ngalo mphanga kaNgumbela, bothuka bonke.

“Akukho mntu ongachukumisekanga ngokuwa kukaBaw’ uNdlovu. Siyambulela ngegalelo lakhe ekuzinziseni ulawulo ingakumbi kulo masipala wethu waseMbhashe. Yhiyo le nto siye sathi asinakuthula, kufuneka senze into ngokudlula emhlabeni kukaBaw’ uNdlovu.”

UJanda uchaze ngethuba apho umasipala lo wabo wawusabizwa njengomasipala waseDutywa, phaya ekuqaleni koo1990, apho athi kwakhe kwakho iingxaki zolawulo kuwo.

“UBaw’ uNdlovu ngelo xesha wayengonqeni ukukhupha izithuthi zakhe okanye imali ukuze ancede umasipala ukuze usebenze ngendlela.

“UBaw’ uNdlovu wavuma ngethuba ecelwa ukuba abenguceba kunyulo lokuqala ledemokhrasi loomasipala ngo2000. Wabanguceba kwiwadi yasedolophini eDutywa ukusuka ngo2000 ukuya ngo2006. Enye yezinto awayezilwela kukuba izitalato zedolophu yaseDutywa mazifakwe itha.”

USodolophu uSamkelo Janda eqongeni UMFANEKISO: FACEBOOK

UMasipala waseMbhashe uyazingca kakhulu ngoNgumbela, utshilo uJanda ethetha nabazili.

“UBaw’ uNdlovu ebesithi xa ethetha masizakhele iMonti lethu apha eDutywa. Nokungena kwakhe ekuxhaseni imidyarho yamahashe, wayesithi uthanda into egqwesileyo exhamlisa abantu abahlala ezilalini.

“Sithi ke lusapho lakwaNdlovu ngxe akuhlanga lungehlanga. Esizama ukukubonisa ligalelo elidlalwe nguBaw’ uNdlovu kwiimpilo zethu. UBaw’ uNdlovu ubede athi xa abantu bemsikelela ngezinto azenzayo, athi ‘hayi hayi, uThixo makaye kwabanye abantu ngoku, mna undisikelele gqitha ngokwaneleyo’,” kutsho uJanda.

Ukanti uNkunzi Ntantala, ongumnini wehashe ebelidume kunene uAndazi, othe wafa ekuqaleni kwalo nyaka, uthi ebengumhlobo omkhulu kaNgumbela. UNgumbela waluthabathela kuye uxanduva lokuphuhlisa abaphalisi bamahashe ingakumbi eMbhashe. Ebhubha nje ebesele enetumente ebizwa iNgumbela July ephaliselwa kuBomela eDutywa apho wakha khona ibala lomdyarho wamahashe ngenxa yemisebenzi kaAndazi.

“Utata (Ngumbela) ebendithanga kakhulu, ubunokuthi xa sihleli uthi kuhleli umntu nentanga yakhe. Utata uNgumbela uqale ukusebenzisana nathi ngo2016, ngethuba ndandinehashe ekwakuthiwa Andazi.

“Ngethuba siqala ukudibana wandibuza ukuba ndilithatha phi eli hashe, ndamxelela. Wathi kum emva koko, uza kuhamba nam, esithi mandidibanise wonke umntu ophalisa ihashe ukuze asixhase.”

UNtantala uthi kwibala lomdyarho kuBomela, babefake nje amavili. “UBaw’ uNdlovu wathi uza kusakhela ibala lomdyarho. Wayesithi into ayithandayo kukuba eli bala lisezilalini.”

“Ngenye imini wathi utat’ uNdlovu masiye kwamasipala siyofuna igreyida (isithuthi). Xa sifika phaya safika kukho ntombazana ethile isithi kwenziwa idinga xa uza kudibana nabaphathi. Utat’ uNdlovu waxelela la ntombazana ukuba asokuze enze dinga yena, uza kuthetha le nto afuna ukuyithetha, ngenene wenza kanjalo,” kutsho uNtantala.

Ukanti ngoLwesine kuza kubanjwa enye inkonzo yesikhumbuzo eCape College eBhofolo. UNgumbela uza kungcwatyelwa eHealdtown ngoMgibelo.