Ngumntu mni?

Xa umfazi ekwinimba, usokhaya nommelwane wakhe bebehlala ngasebuhlanti balinde ilizwi kubazalisi.

Iphume endlwini inkondekazi phantsi kwetsili lomsi, ibetha ngentloko enwele ngathi buboya bephuphu, ime enkundleni imemeze ibhekise ngasebuhlanti, ithi “ukhululekile uMamMpandla aph’ endlwini!”

Aphendule ngombuzo ozele uvuyo olufihliweyo amadoda, “ngumntu mni?” Ukubuza ukuba ngumntu mni bekungenanto yakwenza nokwamkeleka nokungamkeleki kwesini esithile, ibikukufuna nje ukwazi njengoko elowo ebaluleke ngohlobo lwakhe kusapho.

Ukuba impendulo ithe yindodana, bekusithiwa “umz’ uvukile,” ukuba libhinqa kuthiwe “kwaqal’ ukulunga!” Kukho lo mcimbi ungesini wasifikela ngoMgaqosiseko ke, apho kufuneka singenzi nelinjani na ilizwi ngokusingise kwisini kuba sisoyika ukuba kuthiwe sicalula ngokungenabulungisa.

Ingxaki enkulu ke yinkululeko ebaxiweyo yesikhomokazi; isiduna sipanwe izandla neenyawo ngumthetho, andifuni nokubika.

Indawana nje endenza kube nzima ukunyamezela ke namhlanje yile ndawana yokuba umntwana kufuneka ungamkhetheli ukuba ufanelwe zizinto zokudlala amakhwenkwe okanye amantambazana na.

Nasekuthengeni impahla kuthiwa usana masiluthengele iimpahla ezingahambiselani nasini, ngoba hleze kuthi kanti simfaka ezamadoda nje uza kuphila isibhinqa!

Kuthiwa ke masimyeke ade afikelele kwibakala lokuzikhethela, singamfunzi, ze ke simnxibise ngokohlobo akhethe lona. Ukuba ubambe ilokhwe okanye unodoli evenkileni mthengele nangani eyindodana, ungathi kuye “zezamantombazana.”

Kokwam ke ukuthabathisa, isingathi le mpi iphila isini esingesiso eso izelwe naso ngokwelungu lesini iyagaya. Andinako kaloku mna ukuthengela umntwana oyindoda oonodoli, ndiza kumthengela iinkomo; ndingazi kumnxibisa penti ndiza kumnxibisa isikhinda.

Nguye oya kuzithengela ngokokuthanda kwakhe akuba mkhulu, hayi ukuba ayenziswe ndim loo nto. Noko isingathi siyoniwa ngale ndlela kuthiwa masenze ngayo.

Le yokuba umntwana ungamchazi ukuba mntwana mni, ulinde kuye azichaze akuba mkhulu, iphumile emgceni.

Kaloku sizala isiduna nesikhomokazi, okuthi kwenzeke akuba mkhulu umntu kokwakhe, hayi thina bazalayo. Siyazazi thina ukuba sizele mntu mni, simbona evela ukuba ngumntu mni, akukho nto siza kuyilinda ke ngezo ndawo.

Le mpi ayifuni kwaukuba kubekho izinto ekuthiwa zezamabhinqa nekuthiwa zezamadoda, bathi makufanwe, sibe banye ndawonye. Ziza kufana njani iinto ezingafaniyo?

Thina madoda ezithoyilethi sichamela ezitshembeni ezijinga eludongeni, phandle sayamisa kwiintlanti nakwiintango; amabhinqa echopha ethobhini, ze endle achophe kumasithe.

Xa kusithiwa masingenzi njalo ke kuthiwa masithini? Singene kunye ethoyilethi? Sayamise kunye kwiintlanti, sijikele sonke emva kwendlu?

Amanyala abephi ke wona kuyo yonke loo nto? Ndakuva zwindini! Make siyekwe zinkosi siziphilele ngolu hlobo siphila ngalo; abantwana sibakhulise ngolu hlobo sibakhulisa ngalo.

Liyeza ixesha lokuba umntwana azikhethele akuphuma phantsi kwesandla somzali. Ngethuba esephantsi komzali makathobele ukukhuliswa.

Leyo yindlela yobomi eyaziwa ngumntu wonke, asikokucela intloko kaYohane. Mabayishumayele bona ivangeli yabo abantu bayo, kodwa banganxanxathekeli ngakuthi bangekho kuyo.

Baza kukhula aba bantwana, babafumane ke bakuba bevumile, okwangoku masiyekwe nabo sibakhulise.

Kuthiwa makungathethwa kwaukuthetha okanye kubuzwe ukuba umntu uyindoda okanye ibhinqa kusini na kumaxwebhu agcwaliswayo.

Kuthiwa masithi “mntu” okanye simbize ngegama lakhe, singathi “ntombazana” okanye “bhuti” okanye “sisi” okanye “tata,” kuba hleze kuthi kanti nangani enesini sesiduna uphila isikhomokazi okanye engowesikhomokazi nje uphila isiduna.

Uyayiva ke loo nto? Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba