Sele eqalile amalungiselelo eBanyana Banyana okulungiselela imidlalo ye-Olimpiki eRio de Jainero ekuzeni kuphela kwalo nyaka.
Kwiveki ephelileyo eli qela likhokelwa nguVera Pauw libethe iZimbabwe ngegowuli elinye eqandeni kumdlalo wobuhlobo wamazwe ngamazwe, kodwa lo mqeqeshi wavakalisa ukunganeliseki.
Uthe ucinga ukuba iqela lakhe kusekhona apho lingaphucula khona phambi kokuba kuyiwe kwimidlalo ye-Olimpiki eBrazil. UPauw ukwakholelwa nokuba into yokungadlali okanye ukungaziqeqeshi ixesha elide nayo ichaphazele indlela abadlale ngayo.
Kwakhona ebutsheni bale veki inkampani yakwaSasol isungule iphulo lokunikeza inkxaso kwiBanyana elibizwa ngokuba yiHeroes Campaign. Eli phulo liyinxalenye yomgomo kaSasol wokubhiyozela ibhola yabasetyhini, kwaye kulo msitho kuye kwavezwa nesikipa esitsha esiza- kusetyenziswa yiBanyana xa indwendwela eRio.
Ibhola yabasetyhini ayifane ithathelwe ngqalelo kakhulu kweli loMzantsi Afrika, ingakumbi kwinqanaba elisezantsi. Abadlali abaninzi ukuze bafumane ithuba lokuqatshelwa kufuneda bade badlale kwiBanyana. Impumelelo yeli qela kumaqonga afana nemidlalo ye-Olimpiki ingathetha lukhulu kweli qela nakwilizwe ngokubanzi . Enye yezinto ezizakwenziwa kweli phulo leHeroes, kukuba abadlali beBanyana bazinike ithuba lokundwendwela amaqela ebhola ekhatywayo abasetyhini ezilokishini nakwiindawo ezisemaphandleni.
Njengenxalenye yala maluniselelo kukwa- lindeleke nokuba iBanyana idlale imidlalo yobuhlobo neqela labasetyhini laseHolland, le midlalo izakudlalwa ngomhla wesine nowesixhenxe kweyeSilimela.
Le midlalo izakunika uPauw ithuba elaneleyo lokuba akhethe abadlali abangamashumi amabini anesibini abazakuya kumela isizwe eBrazil.
Lo ayingomsebenzi ulula kuba kufuneka aguzule kwaba badlali ebeqhuba nabo ixesha elininzi. Sele eqalile ke uPauw kuba ngoLwesithathu kuye kwafuneka ahluze abadlali abahlanu kwiqela lakhe elinabadlali abangamashumi amabini anethoba.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro