Ngumthwalo kasenza iincwadi zesikolo

Liyandimangalisa inani leencwadi eziphathwa ngabantwana esikolweni kule mihla.

Omnye wabazali esifundisa abantwana bethu sikolweni sinye uke wayikhalazela le nto entlanganisweni yabazali.

Ukhalazele ukuba unyana wakhe ephatha iingxowa ezimbini esikolweni, ebuza ukuba yintoni le ingaka yenziwayo ngezi ncwadi yonke le mihla.

Bezingena kucuthwa na ngokuthi ngenye imini kusetyenziswe ezinye ze ngolunye ibe zezinye, zingasose ziphathwe zonke ngemini enye? Wazihambela wodwa ke lowo mbuzo.

Azininzanga nje ezi ncwadi, zinkulu! Ziyasinda!

Wofika umntwana ekhuphe intamo ingangenduku ebeleke lo mthwalokazi. Abanye bafunda besebancinci ke, bafika kula mabanga athwala lo mthwalo besebafutshane, ubabone beduntsalaze nayo ke ukuya nokubuya esikolweni.

Olu sizi lufana nondalubona eKapa labantwana abancinci abafundiswa kwizikolo ezikude. Babevuswa ngenkqiphu yamajamani ukuze babe sexesheni esikolweni.

Ufike besozela kwizithuthi zikawonkewonke abanye de balale. Ndandibabona isibindi abazali babo bantwana, ukuhambisa abantwana abancinci bodwa, ngoqhiza, kwizithuthi zikawonkewonke!

Ndingazi bacinga banaswa yintengu na aba bantwana endleleni eya esikolweni. Babenaswa ziindlezana abangazaziyo ke, kwimbinana esenentliziyo yobuzali. Lo mcimbi weencwadi ezingaka emntwaneni omnye noko iyabuzisa.

Ezethu iincwadi zazingekho ngaka. Mna ndiqale esileyitini, umntwana eba nesileyiti esinye abhala kuso yonke into.

Ewe ke kwakufuneka umane ucima ukuze ubhale esinye isifundo; ingenzi ngxaki ke loo nto kuba imfundo yayingekho njengale ndiyibona kwaba bantwana.

Ukuphuma kwesileyiti kwangena iincwadi. Kumabanga abasaqalayo umfundi ebeba nencwadi enye, abhale kuyo zonke izifundo zakhe de kuphele unyaka.

Kule mihla kwaesekwabhaxamasele uba nothotho lweencwadi. Yintoni le ingaka bayifundayo bona kule mihla, le singazange siyifunde thina?

Esi sono siweliselwa nakuthi apha, kuthiwe mabancediswe sithi emakhaya ukwenza umsebenzi wesikolo okwezo ncwadikazi. Kuthiwa mabancediswe sithi sibe singazange saphatha zincwadi zinjalo; ngoba?

Siza kubancedisa njani? Xa kanti imfundo yethu bantu besileyiti neencwadi ezimbalwa ikulungele ukunceda aba bomthwalo kasenza, kungani zingacuthwa nje ezi ncwadi?

Kuyabonakala kona ukuba akukho nto iphucuke ngayo le mfundo yeencwadi ezininzi, kuba naku sifakwa nathi bangazange bayifumane, sifakwa singakhange salolwa nokulolwa kuyo apho.

Ingxowa yokuphatha iincwadi umntwana uyigqiba ngonyaka, akukhathaliseki nokuba yomelele kangakanani na.

Ukuba ihleli loo ngxowa iba yiminyaka emibini, iphele. Iqhawuka imiqheba, iqhabalake iiziphu nezivalo ngenxa yenyakanyaka efakwa kuyo.

Akuninzanga nje iincwadi, kuninzi nezinto zokubhala ofika ziziintlobo ngeentlobo nekufuneka ziphathwe zonke yonke le mihla.

Yintoni le ingaka na zinkosi?

Ziphathamandla noko ngake niyiqwalasele ngelinye iso le nto.

Zizifundo zantoni ezi zingaka ukuba ninzi kubantwana abaselula?

Umntwana udinwa kukuhlohlwa izifundo ezininzi imini yonke, kanti useza kuthi edinwe enjalo asindwe ngumthwalokazi weencwadi ukugoduka.

Kwakusasa umntwana ufika esikolweni kushushu ubugxathi kukutyatha iincwadi, akhuphe ekhuphile engxoweni imini yonke, aphinde atyathe umthwalo wakhe ukugoduka.

Hi na kaloku zinkosi!

Ndaka ndeva omnye umshumayeli esithi abantu baza kusindwa baduntsalaze ukuya kumgwebi bethwele imithwalo yabo yezono ngomhla woMgwebo, esithi ngaloo mhla akukho uza kucela luncedo lakuphathiswa ngomnye kuba elowo uza kube esindwa ngowakhe umthwalo.

Ndiba nomfanekiso waloo mthwalo wezono ke xa ndibona abantwana besikolo besindwa ziincwadi ukuya nokubuya esikolweni.