Abantu kumakhasi onxibelelwano bagxeka isibini esinomahluko weminyaka engama23 phakathi kwaso emva kokuba sivele kumabonakude. Bathi indlela amncinci ngayo lo mfana angaba ngumntwana wale nkosikazi.
Esi sibini, uTessa Mpanza, 42 kunye noMinenhle Dlamini, 19, bangundabamlonyeni emva kokuvela kwinkqubo ebizwa ngokuba yiSugar Mamas KZN edlala kuMoja Love.
Le nkqubo imalunga nabasetyhini abathandana nabafana abancinci kunabo abaziwa ngokuba ngooBen 10 – yona inkosikazi ejola nabaselula ibizwa ngokuba nguSugar Mama.
UTessa ngumama wabantwana abathathu ohlala eSgebeni, eNanda, logama uMinenhle engowaseNtuzuma, kwaC. Ebalisa ngendlela abadibana ngayo, uTessa uthe badibana edolophini xa wayesiya kuthenga iimpahla. Uthi uMinenhle wacela ukumphathisa iibhegi zakhe kuba zazisinda.
UMinenhle uvumile kule nkqubo ukuba uTessa umdala kunonina. “Ndakhe ndajola nomntu, kodwa wayengeyontanga yakhe [uTessa]. Wayemdala kum ngeminyaka emithathu okanye emine.”
UTessa uqhayise ngesithandwa sakhe esiselula. “Zange ndathandana nomntu omncinci olingana noMinenhle. Uqole ngokwasengqondweni kunesithandwa sam sangaphambili,” utshilo.
Kundanda iividiyo kumakhasi onxibelelwano, kwaye abantu baphawula ngesi sibini sephondo laKwaZulu-Natal.
Ividiyo enye ngokukodwa ekwabelwana ngayo kwikhasi likaTikTok ipapashwe ngu-@catchupsaofficial nebukelwe ngaphezulu kwesigidi esinye ngabantu.
Nazi ezinye zezimvo zabantu malunga nesi sibini:
@mzwakhed: “Ngenxa yokufuna ukwazi, ukuba uMinenhle ebeyintombazana kwaye eli nenekazi liyindoda, ngaba besiya kubagxeka ngolu hlobo?”
@inno_centiaaa: “Andiyazi nokuba lo mntwana uyaphapha okanye lo mama usile.”
@nonkululekomchunu: “UMinenhle ukhangeleka onwabile.”
@vuyonce: “Kutheni esithi ‘baby’ emntwaneni lo sisi? Banangaphi abantwana balo sisi? Yhooo hayibo nenzani apho eKZN?”
@silike96: “Makaye eyunivesithi sibone ukuba usazomfuna xa ebone oontanga bakhe.”
@bhilikida: “Akukho nto iphosakeleyo apha, nani ningamaqanda eeGrootman qha umahluko kukuba aniveli kumabonakude.”
@zintle_f: “Umdala nakunina, siphila kwiintsuku zokugqibela nyani kengoku.”
@hlengiwe_mhlophe: “Ngathi ndisoyika ukujola nomfana ona26 ndina 30, yhooo ndingamthini ona19.”
Bukela ividiyo engezantsi yesi sibini. (Ividiyo: TikTok/@catchupsaofficial)
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro