Ngusathana womfundisi lo

Emva kokulahlekiswa yinkokheli yenkonzo yakhe, uThobeka Manjati waseBhaziya eMthatha unkolonkoloza esiseleni eKenya. Sele egqibe iminyaka emibini elinde ukugwetywa entolongweni emva kokubanjwa neziyobisi.

Unina wale ntokazi uXoliswa Gogo ulila iinyembezi ecela uncedo kurhulumente welizwe loMzantsi Afrika.

“UThobeka ngumntwana wam wokuqala nowokugqibela, waqhathwa ngumfundisi wathatha inkcukacha zakhe esithi uzakumfunela umsebenzi kumazwe angaphandle, kanti uxela ukuthengisa iziyobisi zakhe,” elila utshilo uGogo.

Uthi angavuya ukuba urhulumente angamnceda ngegqwetha elinokumela intombi yakhe enkundleni eKenya.

“Igama lalo mfundisi nguLawrence Ukvapi waseNigeria, lixoki lomfo osoloko esematyaleni,” utshilo uGogo.

Le nkosikazi igula sisifo seswekile, uxinzelelo lwegazi kunye nesifo sentliziyo.

“Uthi yena akazange athume uThobeka iziyobisi into ayaziyo kukuba wayecele imali yokuya kumazwe angaphandle wamnika lomali bohlukana,” ucacise watsho uGogo.

Lo mama uthi udibene nale nkonzo eKhayelitsha eKapa ngonyaka ka2014 esiya ngenxa yengxaki zekhaya lakhe.

“Le nkonzo yalo mfo ndayiva ngetshomi yam ndaya ndathatha noThobeka kuba enengxaki zokungaphangeli kanti uzakudibana nalo Sathana womfundisi,” utsho uGogo.

Okona kwenza uxinzelelo olumandla kule nkosikazi kukuba uThobeka uyakhunjulwa ngabantwana.

“Intlungu yam kukuba uThobeka ushiya abantwana ababini abahlala notata wabo, ngoku akaphangeli uphila ngamacebo anzima,” ukhale watsho uGogo. Olu sapho belukhonza kwinkonzo iRiver of Life nekuthwa sele litshintshile igama layo ngenxa yamatyala alandela umfundisi weli bandla.

“UThobeka uvele okokuqala enkundleni eKenya kule nyanga iphelileyo oko wayebanjwe ngo2015, ngoku uzakuphinda avele kwakho ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga kaCanzibe,” utsho uGogo.

Lo mama ugxeka urhulumente weli ngokurhuqa unyawo ukunceda abantu beli abakwiingxaki kumanye amazwe.

“Urhulumente wethu uyatsiba ukukhulula abantu bamanye amazwe abavalelwe apha eMzantsi Afrika, ubabone begoduka, abethu abantu ababuyi kula mazwe,” utshilo.

Lo mfundisi uxelele olu sapho ukuba yena akazange amthume eKenya uThobeka koko wayemthume eIndiya.

Ukanti le ndoda iyaqhubeka ibongoza unina kaThobeka ukuba abuyele ecaweni kuthandazwe.

“Ndimxelele ukuba unguSathana andinakuphinda ndiye kula Cawe yeziyobisi mna, ndikhangela amacebo okukhulula umntwana wam ngoku,” utshilo.

Othethe egameni lesebe lezangaphandle kweli uPatiance Mtshali, uthi lukhona uncedo abalunika amabanjwa oMzantsi Afrika asezintolongweni kwamanye amazwe.

“Siyaqinisekisa ukuba intlalo yabo intle, imeko yezempilo iyakhathalelwa ngoorhulumente bala mazwe, asikwazi kunceda kumcimbi wamagqwetha okubamela, nokuhanjelwa kwabo ngabazali babo,” ucacise watsho uMtshali.

Uhambisa athi ngamakhulu alithoba abantwana beli loMzantsi Afrika abaseluvalelweni kumazwe angaphandle ngamatyala ahlukeneyo.

Lo mfundisi akafumanekanga ukwenza ilizwi ngezi zityholo.