Usapho lakwaNkomonye eRhamrham eDutywa olubhujelwe ngubhuti walo uMawabo Nkomonye (62) kwakunye nonyana wakhe uYandisa (25) ngoMgqibelo emva kokoyela kwabo nemoto yabo kwibhulorho yaseShixini ngenxa yeempuphuma zemvula, luthi eli linxeba elingenakukhawuleza liphole kusapho.
UAyanda Nkomonye ongumninawa kuMawabo obhubhileyo nongutatomncinci kuYandisa obhubhileyo, encokola neli phephandaba uthi ezi ndaba zifike kubo ngeCawa ekuseni kusithiwa mabayokufanisa imizimba kumlambo iShixini. Uthi esi sisimanga kuba uMawabo ubhujelwe ngunkosikazi wakhe kuDisemba ka2020, amalungiselelo angoJanyuwari kanti kulo iza kuba ngamalungiselelo akhe nonyanabo.
Uthi baza kujongana nezo bhokisi zimbini, ekanyana noyise. UNkomonye uthi ngethuba bebizwa ngeCawa kusasa ekubeni bayokufanisa kulapho waye wabethelwa ngumbilini nangoko, eqonda ukuba konakele.
UMawabo nobesele ethathe umhlaphantsi wakhe, wayesebenza njengomphathi kwintolongo yaseMthatha. Ingxelo ithi babesuka kwisifihlo esiseFort Malan besiya emzini wakhe eMurumuru eDutywa. UNkomonye uthi umama osindileyo ubalisa ukuba baphuma esifihlweni sele sidlulile isichotho kodwa bafika ibhulorho iShixini sele izele qhu.
Ngaphakathi kule moto eluhlobo lwebhaki babe bane (4) kukho oomama ababini, omnye engusibari kuMawabo, naye oye wabhubha kwasinda wamnye oye wakwazi ukutsiba nothe wabalisela uluntu ngokwenzeke kubo.
“Ubhuti ebesele eshiyeke nabantwana bakhe abathathu, abafana ababini kwakunye nentombazana. Kwaye ngumntu obesazi yonke into ebesele sijonge kuye nakwizinto zekhaya nangona nje ebesele enomzi wakhe eMurumuru,” utshilo uNkomonye.
Uthi iza kucaca indawo yakhe kusapho lakwaNkomonye. UAyanda Nkomonye ubulela ukuba ithe yaxhaswa yimithi yomlambo imizimba, kuba uthi ixhala bebenoyokukhutshwa lulwandle lakuGatyane bangaze baphinde bababone.
Uthi kungokunje basazama nokuqhelana nale meko yenzeke kowabo. Kulindeleke ukuba kungcwatywe kwimpelaveki ezayo.
UNkomonye ubulela abahlali belali yakuQhakazane abakwazileyo ukuhlangula kwanokuhlaba ikhwelo. Uthi ukwabulela nakuMastishi wamaPolisa eDutywa, aboqhaqho, kwakunye namagosa oMasipala uMbhashe.
UMphathiswa wezoThutho ephondweni uWeziwe Tikana-Gxotiwe ngoMvulo emva kwemini, utyelele olu sapho lakwaNkomonye eMurumuru eyokugxwala emswaneni kwaye eyokuthuthuzela nekhaya.
Isithethi seli Sebe uUnathi Binqose udiza ukuba le mizimba mithathu ifunyenwe ziindadi emva kosuku kukhangelwa. Uthi imoto yona ibisele ibubugoxo kukubetheka.
UBinqose uthi ingxelo ngomonakalo weendlela ephondweni iyaququnjelwa.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!