Nguzwilakhe uMalema

Inkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF), uJulius Malema.

IsiXhosa sithi umntu ongabamameliyo abanye abantu, osoloko ethanda izimvo zakhe ukuba zongamele–nguzwilakhe xa ebizwa. UMongameli we-Economic Freedom Fighters (EFF), uJulius Malema, wonganyelwe zezo mpawu, kwaye zibangela ilahleko kumbutho wakhe.

Ukuphuma kukaFloyd Shivambu kwiEFF luphawu lokuba uMalema akazimameli ezinye iinkokeli. UShivambu ngomnye wamadoda asebenze nzima ekusekweni kwe-EFF ejikeleza uMzantsi Afrika eshumayela ivangeli yenkululeko yezoqoqosho–iEconomic Freedom ngelasemzini–ngeli xesha siphila kulo.

Ukuphuma kwale ndoda kwiEFF kubonisa ukuba ngenene ivuthiwe imbiza yeyantlukwano nokungaboni ngasonye kwiEFF.

Iingcali zopolitiko zibona ukuba umcimbi wokungavumi kukaMalema ukuba bangene kwiGNU njengoyena nobangela.

Ingxaki yokuphela kwexesha lokuphatha kukaMalema kwiEFF zezinye zeengxaki ezibangele ukuba angaboni ngasonye la madoda.

Kaloku uMalema uyaphakuzela kuba ixesha lakhe liphelile kwaye uyayazi ukuba inye indoda enokumswantsulisa kwesi sikhundla–nguShivambu.

Ukungavumi kwakhe ukuba bangene kwiGNU kuthiwa kusekelezelwe kuloyiko lwakhe lokuba amadoda aquka uShivambu noGqirha Mbuyiseni Ndlozi bazakuba namandla kuba babezakuba ngabaphathiswa.

Ingxelo ithi ukuba bebengene kwiGNU, uShivambu ebezakuba nguSekela Mphathiswa wezeMali, logama uNdlozi ebezakuba nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo.

Konke oku kwenze ukuba uMalema aphakuzele ecinga ukuba la madoda azakuba semandleni okumsusa esikhundleni, ngenxa yoko akavuma ukuba bangene kwiGNU.

Ekupheleni kwalo nyaka iEFF kulindeleke ukuba yonyule isikhokelo esitsha esizakuqhuba lo mbutho ukuya phambili.

Phantsi kwesikhokelo sikaMalema, iEFF ikwazile ukufumana izikhundla ePalamente kazwelonke nakumaphondo athile. Kodwa zijikile izinto ngenxa yeyantlukwano kwizimvo kulo nyulo lenyanga kaCanzibe, ilahlekelwe ziivoti iEFF.

Ukulahleka kweevoti eKZN nakwezinye iindawo zelizwe kumele ukuba kubekwa emagxeni kaMalema kuba oku kwenzeke ngexesha lokukhokela kwakhe.

UMalema uhambe ngqo emkhondweni weenkokheli ezininzi zopolitiko zaseAfrika, ezithi zakungena ezikhundleni zingafuni kuphuma. Uninzi lweenkokheli zaseAfrika zilahla umkhondo ngenxa yokuba zingavumi ukunika abanye abantu ithuba logama zikwanyanzela izimvo zazo.