Ngxatsho ke bazalikazi!

Minyaka le, kule nyanga yeThupha, kwilizwe loMzantsi Afrika nakwihlabathi jikelele, kuhlonitshwa kwaye kubhiyozelwa amanina.

Le mibhiyozo igxile kakhulu kwindima edlalwa ngamanina emakhaya kwiintsapho zawo, entlalweni ngokubanzi, kwisizwe nakwilizwe liphela.

Nangona le mibhiyozo isingathwa kule nyanga yeThupha yonke, olona suku lubekelwa bucala kule mibhiyozo lolo lomhla we-9. Imbali ithi ngolu suku lwe-9 kule nyanga, ngomnyaka ka-1956, amanina oMzantsi Afrika adela iimbumbulu, adela ukugxagxanyiswa ngabakwantsasana, adela urhulumente wengcinezelo woondlebe-zikhany`ilanga, bakhokela umngcelele owawusilwa nedompasi eyayinyanzeliswa kumzi ontsundu.

Loo mngcelele woqhankqalazo, kuquka neminye emininzi eyayisilwela amalungelo omzi ontsundu, yayikhokelwa ngabazalikazi abafana nomama uLilian Ngoyi; umama uLilian Diedericks; umama uRuth First; umama uRuth Mompati; umama uHelen Joseph; umama uAdelaide Tambo; umama uAlbertina Sisulu; umama uNomzamo Madikizela Mandela; umavula kuvaliwe umama uCharlotte Maxeke nabanye abaninzi.

Ngenxa yegalelo nobunkokheli obugqibeleleyo nobusulungekileyo bala manina, idompasi nolawulo localu-calulo zabhanga eMzantsi Afrika.

Ubunkokheli bala manina, bunkokheli obo babungenachaphaza nagxeke, bundinika uvakalelo lokuba ngenene xa amanina la anokukhe anikwe ithuba lokongamela eli lizwe, kungenzeka kunciphe urhwaphilizo, kungenzeka kunciphe ubudlwengu, kungenzeka kunciphe impatho-gadalala kumantombazana, ezintombini nakoomama ngokubanzi, kungenzeka kubhange indlala kugqame intlutha, kuba kakade nawuphi umzi onomama, umzi onesikhukukazi, awuzange uthwaxwe linxele likaKhathsekile!

Abazalikazi ziinkokheli ezinesiphiwo, kwaye xa kukhokela bona, kuzinza izidima, kugqama ithemba nesizwe sikhulelwe kukuzingca nokomelela. Silibele kusini na mawethu ukuba phantsi komama uNzingha, iKumkanikazi yaMatamba kwelo laseAngola, mama lowo wayeyinkokheli yemikhosi yelo zwe, ngexesha lakhe kwakugquba ubukhalipha, ubukroti noloyiso lodwa kuloo mikhosi.

Silibele kusini na ukuba isizwe saBatlokwa saqala ukuphelelwa kukomelela nokuzithemba mhla umzalikazi nenkokhelikazi eyayiphume izandla yeso sizwe yatshaba, lowo ngumama nomzalikazi uKumkanikazi uManthantisi. Akekho namnye oyilandelayo imbali yeli lizwe ongayaziyo into yokuba ikroti lesizwe samaZulu, uShaka kaSenzangakhona, wayeyinkokheli eyomelele kakhulu, inkokheli eyayidume ngobukroti neyayingoyiki ngokoyikiswa. Kwimbali yakhe kukho into engachazwayo ubunyani bayo, le yokuba ukomelela kwakhe kwafumaniseka ukuba babukho kwaye buzinziswa bubungangamsha bukanina, uKumkanikazi uNandi.

Imbali ngoShaka ithi mhla kwabhubha unina uNandi, kumhla elo kroti langenwa bubuthathaka, buthathaka obo bakhokelela ekufeni kwakhe nasekungeneni lula kwabantu basemzini kwisizwe sakwaZulu.

Ngenene abazalikazi ziinkokheli ezigqibeleleyo, iinkokheli ezikhokelisa uxolo, imbeko nentlonipho. Bangaphi na kuthi madoda abakhuliswe ngoonina ngaphezu kokufumana isandla sengqeqesho sooyise?

Khumbulani kaloku ukuba phaya mandulo, ixesha elininzi oobawo abasizalayo babesebenza kude namakhaya kangangokuba uninzi lweentsana zikhuliswe kwaye zifumane nesiseko sengqeqesho koonina.

Nkqu nakweli xesha lingafunisi ukuba ootata babantwana basebenze kude neentsapho zabo, kuqapheleka ukuba abantwana abaninzi bakhuliswa ngabazalikazi kuba ootata abekho, bambi kubo bade bangayidlali naloo ndima yokuncedisa ekukhuliseni iintsana zabo.

Nangona kunjalo, oomama abangabazalikazi abadlali ngeentsana zabo, bazikhulisa ebunzimeni bezibambe ngamazinyo, baziqeqeshe bebodwa, zikhule ezo ntsana zibe yimizekelo emihle esizweni.

Kule nyanga ndiziva ndingenakuzibamba, ndikhahlele ngokungazenzisiyo onke amanina, bonke abazalikazi bangaphambili nabanamhlanje ngenxa yegalelo labo elingathethekiyo kumakhaya abo; ezikolweni; ezibhedlele; ezintolongweni; kwimisitho nakwizisusa ezahlukileyo entlalweni; ezinkonzweni; kwisizwe jikelele nakwilizwe ngokubanzi.

Wanga uQamatha namanyange bangabakhusela oodadewethu noomama bethu kwizandla ezibi zogonyamelo, bathamsanqeleke, bahlale beziinkwenkwezi eziqaqambileyo kwaye beziintyatyambo ezingenakuze zibune. Ndatsho ndakhumbula ubawo uJJR Jolobe xa esithi:

Laa mbiz’igxabhuzayo eziko phaya Iyamthum’ukuba ayibasele.

Isiyalu somthombo phantsi kweliwa Siyamkhobakhoba, sithi makeze.

Ihlathi elikude liyambiza Ujong’ukwakh’igoqo lobusika.

Izithomb`emasimini phaya Ziyasebeza zithi, “sisekele,”

Umoya wobusika uyavuthuza; Umi yena phakathi kweendiza, Eqokelelela kuvimb`ekhaya, Ukuze agxoth`indlal`ebomvu.

Banjalo ke abazalikazi! Liyintoni na ikhaya, siyintoni na isizwe, liyintoni na ilizwe, liyintoni na ihlabathi, ngaphandle kukamama? Alinto yanto!