Ngxatsho ke Cihoshe kaBolana!

Zithethil’iZilo zomlambo, bathethil’ooNozinga, bekhwaz’ingqungqumba * ’umde ngeentong’uKhaya Bolana!

Bamkhwazil’ ooThithiba, amkhweb’amaNgqosini ebizel’uKhaya kwikhaya lamakhaya, kumaxhanti kaCihoshe, kaNkosiyamntu, kaMalangana, besithi sondela thole lomgquba, yiza nganeno silo somthonyama sakuloSihlongonya, kuba ugqatso lwakho ulufezile ezants` emhlabeni.

Ulufezile olu gqatso lwentsumantsumane yokwakha nokuphilisa isizwe sakowenu kwade kwafikelela ukuza kuzibandakanya kwakho noogxalabalibanzi bakho, amaqhawe ofeze nawo le ndlela, asaphilayo nangasekhoyo, afana nooFezile Siziba, ooNompondo, ooMalgas, ooNgoyi, ooMakunga, ooMavela, ooMgweje, ooBhovula, ooMtyoba, ooMagida, ooHashe, ooNqatha, ooMambukhwe, ooNgxakangxaka, ooPeteni nabanye abaninzi.

Kwelo zwe lingenazintsizi, ilizwe elingatshonelwa langa, ilizwi eligxile kwiinqobo zobomi bemveli kaQamata kaTayi, siqinisekile ukuba imisebenzi yakho emihle yokuphakamisa iCumakala, ukusuka eNdakana, kwaziDenge, eKhubusi, kwaMlungisi, iCenyu, amaSimi, iXholorha, iNtili, iHekele, ukuya kuma eMgwali nakwiSihoboti samaToyise, nakubo bonke abantwana bamaNgqika namaZibula, uncedisana nala maqhawe angentla, namanye amaninzi endingawakhankanyanga, aniyi kwetha mandla, ide iCumakala ibuyele kwindyebo yayo nodumo lwayo olwabhanga mhla saphucwa konke okwethu ngoondlebe-zikhany’ilanga bamaKoloniyali.

Bhuti Khaya Bolie Bolana, sikukhumbula usafunda kula Dyunivesithi yeNtshona Kapa (iUWC), ubalasele ngokumazi nokumbuka umntu. Sonke thina bafundi basuka emaphandleni, ingakumbi kummandla womda owawubizwa ngeBorder Region, safikela kwizandla zakho zobubele kuloo dyunivesithi.

Kumntwana osuka emaphandleni nasezilalini, ukuya kufunda kumaziko emfundo enomsila yinto enkulu nesothuso. Sisothuso kuba uthi xa ufika kweso sikolo sikhulu nesinezakhiwo ezixananazileyo, uxakwe ukuba uza kuqala ngaphi na, uxakwe nokuba uza kubamba phi na, uyeke phi na. Ubuye uvele wena nabanye abakhuluwa noosisi bethu, xa kanye sibhidekile simbanguza singabafundi abatsha ababefika apho, nisinike umkhombandlela. Sibaninzi abasezindaweni ngenxa yobo bunkokheli bakho kwela ziko lemfundo enomsila.

Ndibala mna Xolani nongasekhoyo uMakhasi Mavela, uMpumzi Feni, Themba Kostile, Lwando Gotywa, Chuma noMxhasi Velani baseZeleni, Bathini Sogotyi, Siyabulela Nojilana, ongasekhoyo uMfuza Mapukata nabanye abaninzi. Sibamba ngazo zozibini Cihoshe! Ubuntu ophume nabo kwiCumakala yakowenu, utshile ngabo nakwelo zwe laseKapa.

Uphumile apho waya kungena kwiziko leNelson Mandela University eBhayi. Nalapho, ubashiye bengayivali imilomo ngenxa yegalelo lakho kwimibutho yezopolitiko yelo ziko neyokuhlala.

Okona kothuse abantu abaninzi, kukuthi namhla utyunjwe njengabanye abaza kwenza isidanga seeMastazi kuloo yunivesithi, wena Nozinga wakhetha ukwenza uphando oluza kuzisa intlutha nokuziphila kubantu bakowenu.

Uphando lwakho lwagxila kwiindlela abantu baseCumakala, ingakumbi abalimi baseKhubusi naseMgwali abanokuvuselela ngayo isakhono sokulima, ukuze kugxothwe indlala eziko, ukuze kukhule oosomashishini abaxhomekeke kulimo nakwimfuyo.

Ngokwenza oku Bolie, ubuvuselela ubomi nentlalo yamanyange kuthi. Ngenxa yesi senzo, siyaphinda sithi ugqatso lwakho ulufezile, sithi ngxatsho ke bhuti Khaya Khasta Bolie Bolana!

Mkhuluwa awuthanga wakusigqiba esi sidanga wacezela kude kwiCumakala lakowenu. Isakhono sakho sibonakele nakumbutho woosomashishini abantsundu, kuba kaloku ubomi bakho bonke, ubukholose ngoluvo lukaBiko lokuba umntu ontsundu, unakho ukuziphila engakhange axhomekeke kwezinye izizwe.

Ilungu lesigqeba kwiBlack Business Forum yaseMahlathi, uSiya TO Makunga, ugadlele wenjenje ngegalelo lakho: “Ngokumka kwakho Bolie silahlekelwe yinkokheli ephume izandla, umavula-kuvaliwe wenkokheli ebeka izidingo neminqweno yabantu kuqala, igqibele ngayo.”

Zinqabile iinkokheli ezinjalo Cihoshe! Ndinethemba lokuba uninzi lweenkokheli zethu kwiindawo esihlala kuzo, zifunde nto kubuntu nakubunkokheli bakho obungenachaphaza.

Ngenxa yobu bunkokheli, inkuthazo yakho kubalimi abasakhulayo, nokutyala kwakho imfundo eteketeke kuthi bafundi abaphuma kumakhaya angathathi ntweni besikolo iJongile Nompondo, sithi huntshu Mbokodw’ emnyama kahili, sithi tatalahote, yathwas’inyanga!

Ndivumele ndikukhahlele ngamazwi omfundi ophuma kwizandla zakho, uSibulele Vuso athi:

“Uwile umfundisi-ntsapho uwile madoda,

Bangqukrulek’eMgwali, bagxwal’eJongile Nompondo.

Siwadlil’amazimb’epolitiki, samaz’uBiko,

Wayigxininis’ inkcubeko satsho sazazi ncakasana.

Usibulisele kuSiziba noMagida kwelo zwe,

Ugqatso ulufeze kwathi nco Gaba!

Ngxotshe ke Nozinga, Silo somlambo sakuloNgqosini!”

Xolani Mavela