Ningalibali, iTornado idinga inkxaso yenu!

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni elidlala kwi-ABC Motsepe League, iTornado FC, liyadlala kule mpelaveki.

Eli qela lizama indlela yokunyukela kwinqanaba elingasentla iNational First Division, kodwa kufuneka lidlale namanye amaqela ukuze lifumane indawo. Kule midlalo yokuzibekela indawo kwiNFD kukho la maqela alandelayo: yiTornado FC, Steenberg United, Kings United, Apollo 11 ne-Orbit College FC.

Imidlalo iqala kwiveki ezayo ngoMvulo. ITornado ifumana eli thuba emva kokuba ithe yaphumelela i-ABC Motsepe League apha eMpuma Koloni.

Njengokuba behamba besiya kule midlalo, kubalulekile sibanike inkxaso kangangoko sinako singabantu beli phondo ngoba yonke into abayenzayo phaya bayenza egameni lethu. Sithatha eli thuba sileli phephandaba sibanqwenelele amathamsanqa.

Okunye esifuna ukutsho kubo kukuthi mabasebenze ngokuzimisela kula midlalo ngoba kufuneka amaqela adlala kumgangatho ophezulu apha kweli phondo aliqela ukuze abantwana bazokwazi ukufumana indawo yokuqaqambisa amakhono abo.

Sinawo uMthatha Bucks kwiNFD, sinayo iChippa United kwiPremier League, kodwa oko akwanelanga kweli phondo ngoba likhulu kwaye nabantwana balo abakalifumani ithuba.

Umqeqeshi weTornado, umnumzana uThobela Bikwani, uxelele eli phephandaba kule veki ukuba amalungiselelo ahamba kakuhle futhi nomoya wabadlali bakhe uphezulu.

Siyavuya xa ukuzithemba kukhona ngoba akukho nto iqela elinokuyenza kula midlalo ukuba akukho ukuzithemba ebadlalini.

Indlela abaqhube ngayo kwimidlalo yabo kwisizini ephelileyo iyancomeka; into efunekayo kukufaka ezingqondweni zabo abadlali ukuba ngoku badlalela iMpuma Koloni yonke, futhi kujongwe kubo ngabadlali abasakhulayo.

Ukunyukela kwayo iTornado kwinqanaba elingasentla kungayiphakamisa kakhulu ibhola kweli phondo.