Ningamgxeki msinya uSilili!

Yazi ndingumntu olala ngethuba, ithi lo nto izinto ezininzi ezenziwa nezenzeka ebusuku ziyandiphosa.

Andiyazi nokuba bendindedwa na kwingcingane ethi noko oko uJacob Zuma ethe waguzulwa siza kulala obuhlayo ngokuba noko akukho zinto eburhulumenteni eziza kutshintshwa ngobusuku.

Yho! Ndidane ndishwabene ngalo mzuzu xa ndithe ndivuka ngentseni yangoLwesibini kule veki ndavukela kwiindaba ezithi umongameli welizwe utyumbe okutsha, wahlengahlengisa isigqeba sakhe solawulo.

Kona kudala siyiqonda ukuba elowo umongameli wenza kakade ngolo hlobo, ntonje ndisathe xhwenene yile yezinto zesizwe ezitshintshwa ngobusuku, kuleqwa phi?

Isuke yaninzi ke ingxolo ngolu tshintsho kwisigqeba solawulo sikamongameli omtsha, amaqela ezopolitiko amaninzi aphikisayo awalamkeli ncam olu tshintsho nokugcinwa kwabantu abathile kwesi sigqeba solawulo.

Esona simbonono endisive kakuhle mna sesiphuma kutata uNarend Singh, nomele iIFP kwindlu yowiso mthetho, nothe bothukile bona ngokuchongwa kukaDavid Mabuza njengosekela mongameli welizwe ngokuba bebencwase ibe ngumntu wasetyhini oza kunikwa esa sikhundla.

Ulebele ngelithi ukuba isizwe sethu kudala simnqwenela usekela mongameli wasetyhini, kwaye ukwenza nxamnye nalo mnqweno kukubonisa ngokucacileyo ukuba i-ANC ayinalo ixesha leemfuno zabantu beli lizwe, koko ijonge iimfuno zayo kuqala.

Wathetha kamnandi lo bawo ntonje ngekhe wazi nokuba akufunwa isiqu esi sikaDavid Mabuza okanye ingaba banyanisekile koku kuzathuza kwabo, inene ipolotiki mnta’kasisi inamajikojiko.

Mandiyixolisele ke le indawo, kodwa indihlekisile mna ndedwa into yokukhiqwa kukaMnu. Fikile Mbalula kwesa sigqeba, khange ikuhlekise wena?

Andifuni nokuxoka akhange ndiyilindele ukuba angasuswa, yandenza lo nto ndakhe ndathatha ithutyana ndacinga ukuba ingaba ingayintoni ebangele uJola lo angaphathiswa nesetyana eli eburhulumenteni.

Ngokwam ukubona ebesenza umsebenzi oncomekayo uQengeba lo pha esipoliseni, inye nje into endiqonde ukuba imenze wangumgqatswa wezembe kokwakusebenzisa kwakhe amagama athukayo esidlangalaleni.

La mntana ebesele engenayo intlonipho kwaphela, ebethukisa ezinkonzweni, phakathi kwabantu abadala, naphambi kweenkokheli zeemvaba ngeemvaba zakwalizwi.

Intetho yakhe ibihleli nje iyalumeza kwaye emva kwala mbhodamo wehle eNgcobo ufike pha wasuka wayinto yokuhlekisa endaweni yokuba athethe ngesidima nesithozela kwintlekele efana naleya, uncedile wethu emke nobo bukrwada bakhe.

Mhlawumbi uza kusebenzisa eli xesha alinikiweyo eLuthuli House ukunonga iintetha namazwi akhe esidlangalaleni. Niyabona ke ukuba ubukrwada buyasisusa isonka etafileni?

Yazi akukho ndawo ingenabo oophuncuka-bemphethe bayo? Uninzi lwethu luyazibuza ukuba ingaba babhungce njani ooMalusi Gigaba, nooBathabile Dlamini, kaloku oogxa babo abantyumpantyumpekayo kwizinto ezinevumba elibi, ooLynne Brown nabanye baboniswa ucango nguSilili i-cupcake yesizwe.

Manditsho ndithi yimiyiyizelo nemivuyo kukubuyiswa kukaNhlanhla Nene, Pravin Gordhan kunye noBheki Cele.

Sendibabona abakwantsasana sebemince izisu, betyhale izifuba, bekhe namaxhaka kukubuyiselwa umphathiswa onje ngoNdosi lo.

Xa ndiza kuvala mandinikhumbuze oku: uCyril Ramaphosa usagqibezela umsebenzi wexesha lolawulo ebekumele lelikaJacob Zuma, ithi lo nto akukho mitsi ingako aza kuyenza kwizinto ezininzi.

Mna uSilili lo ndimlinde kakuhle emva konyulo luka2019 xa sele eqala ngendlela eyiyo ibali elitsha loMzantsi Afrika. Wena wakhe awawuchana wonke umcimbi kuvavanyo esikolweni, uSilili wenza la nto ngoku kuthwa zizilungiso.

Lungisa Matamela, sakudibana ngo2019 kwivoti.