Ningathethi noonondaba, iANC yephondo ixelela iinkokheli ezinqunyanyisiweyo

ISIGQEBA solawulo kwiANC eMpuma Koloni sinqumamise iinkokheli zalo mbutho ezityholwa ngobuqhophololo, yatsho iziyalela ezi nkokheli ukuba zingameli umbutho futhi zingathethi ngombutho kwabeendaba.

Kwindibano yePEC (provincial executive committee) entsukumbini ephethulwe ngoMvulo, iANC yephondo ithabathe isigqibo sokunqumamisa amalungu ePEC uSindiswa Gomba, uPhumlani Mkolo ongusihlalo weANC eWB Rubusana noTeris Ntutu oyinkokeli yeANC eAmathole. UZandisile Qupe kwakunye noZukiswa Ncitha baye bafaka imbalelwano ecela ukuthi gu bucala kwiintshukumo zombutho, utshilo unobhala wephondo uLulama Ngcukayitobi ngoLwesibini.

“Amaqabane uNtutu noMkolo baye babhalela iANC beyixelela ukuba bekufanele ukuba yenza ntoni na malunga nalo mbandela. Ngenxa yoko, iPEC igqibe kwelokuba imnqumamise uqaban’ uNtutu noMkolo. Sigqibe kwelokuba sinqumamise ubulungu babo, sagqiba futhi ukuba mabavele phambi kwekomiti yokujonga ingqibelelo (integrity commission). Kodwa sigqibe kwelokuba mabahlale kwiikomiti zeengingqi zabo, kodwa bangameli iANC futhi bangathethi nabeendaba,” utshilo uNgcukayitobi.

UNgcukayitobi uthi iPEC ithabathe esi sigqibo ngokusebenzisa umthetho wayo othi amalungu neenkokheli zalo mbutho ezityholwa ngobuqhophololo mazithi gu bucala de kuqosheliswe amatyala lawo batyholwa ngawo.

Ithetha malunga nesigqibo sokunqunyanyiswa kukaNtutu, iANC eAmathole icebise uNtutu ukuba ajonge umbandela wokubhena ngakwesi sigqibo sePEC.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za