Ningavumi ukulukuhlwa, kubongoza uRamaphosa

Usekela mongameli weANC uCyril Ramaphosa ekunye namalungu esigqeba esilawula lo mbutho eMpuma Koloni, ngasekunene kwakhe nguThandiswa Marawu onguNongxowa, ngasekhohlo nguSihlalo wephondo uPhumulo Masualle kwakunye noNobhala uOscar Mabuyane. UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Usekela mongameli weANC uCyril Ramaphosa umemelele
kumalungu eANC eMpuma Koloni ukuba angavumi ukulukuhlwa ziinkokeli zeANC ezisebenzisa
imali ukuthenga iivoti nanjengoko isondele inkomfa kazwelonke yombutho.

URamaphosa ebethetha kumabala ezemidlalo
kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMthatha ngeCawe apho lo mbutho ephondweni
ububhiyozela ukugqiba iminyaka elikhulu elinesihlanu.

URamaphosa, okugqatso lobumongameli kulo mbutho,
uthi iANC igcwele ziinkokeli ezicinga ngeziqu zazo hayi abantu. Uthi oku
kuyakhabana neemfundiso kwanesikhokelo segqala leANC uOliver Reginald Tambo,
owayekholosa ngokubekwa kweemfuno zabantu phambili.

“Kufuneka simanyane ukuze silwe iingxaki
ezijamelelene nabantu baseMzantsi Afrika. Iinkokeli ezithenga iivoti emasebeni,
azinangcingane zoluntu koko zicingela iziqu zazo.

“Amasebe eANC anoxanduva lokonyula iinkokeli
ezithembekileyo, hayi ezo zizakuzidaphela kwimali yabarhafi emva kokuba
zonyulwe,” kutsho uRamaphosa.

Ethetha kulo msitho usihlalo weANC eMpuma Koloni
uPhumulo Masualle uthi eli phondo asiyondawo yesigqubu semidlalo yepolitiki.

“IMpuma Koloni asiyontlambo yokufela amahashe.
Ngexesha elifanelekileyo, sizakuthetha (ngenkomfa yolonyulo kazwelonke), kodwa
ngoku sisathule. Lo nto ayithethi ukuba siyonqena ukuthetha (ngeenkokeli
esizifunayo kuzwelonke),” utshilo uMasualle, okwayiNkulumbuso yephondo.