Ningayiphenduli imiyalezo evela ku“Luzuko Koti”

USAPHO lomsasazi oswelekileyo, uLuzuko Koti, lulumkisa uluntu ngobuqhetseba obenziwa ngegama likaLuzuko.

AbakwaKoti, kwisilumkiso esibhalwe phantsi, bathi uluntu ze lulumke kuba kukho umshikashika oqhutywa ngenombolo kaWhatsApp kaLuzuko Koti.

Le nombolo isetyenziswayo ithi 072 378 2211.

“Siyacela ze ningayihoyi le nombolo, kwaye okubalulekileyo ningathumeli mali ecelwa kuni ngale nombolo,” kulumkisa abakwaKoti.

Olu sapho luthi oku kuyaphazamisa nanjengoko lusathiwe wambu lilifu elimnyama.

“Senza konke okusemandleni ethu ukunqanda ezi zigilamkhuba. Esi sisikhubekiso esingeyomfuneko kusapho nezihlobo zikaLuzuko, nekuthi ngexesha elibi nelibuhlungu kangaka kunyanzeleke bajamelane nomkhuba wenkohlakalo nongenavelwano,” kubhala olu sapho.

UKoti, obe nguMphathi wesikhululo seSABC, iChannel Africa, usutywe kukufa ngoMvulo emva kwedabi nomhlaza.

Kulindeleke abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela eGqeberha ngoMgqibelo weveki ezayo.