“Ningazilibali iikhondom ngexesha lolonwabo”

Amavolontiya alwa nokwanda kwentsholongwane kagawulayo eNgcobo, aphethe umyalezo othi, "Ningazilibali iikhondom ngelixesha lolonwabo." Umfanekiso: Malwande Mantshule

Angena umzi nomzi
amavolontiya alwa nokwanda kwesifo sikagawulayo eNgcobo, ekhuthaza uluntu ukuba
lingazilibali iikhondom ngelixesha lolonwabo.

La mavolontiya ahamba
ekhuthaza uluntu ukuba labelane ngesondo ngendlela ekhuselekileyo.

Aphakamise into yabantu
ababonana ngesaquphe babe sebelalana bengazikhuselanga nangona nangona umntu
engayazi ukuba lo mntu abelana naye ngesondo uziphethe njani.

”Umntu ubona umfana okanye
intombi entle efikayo azithethelele kuyo. 
Asali nto abantu
mabonwabe kodwa sithi naphantsi kweyiphi na imeko umntu makasebenzise ikhondom,”
litshilo elinye lamavolontiya.

Uqhube wathi ”Sihla sinyuka
singena emizini kunye nezindawo abantu bazonwabisa kuzo sishumayela
ukusetyenziswa kwesikhuseli. Kweminye imizi siyagxothwa sikhutshwe ngezinja sithukwe
kuthiwe sizosasaza ukugula kwethu apha. 

Abanye basamkela kakuhle ingakumbi xa sibaxelela
ukuba umntu ngamnye kuthi uneminyaka emingaphi ephila nentshongwane kagawulayo
kodwa usempilweni.”

Phakathi kwabo kukho abazifumana
ukuba banentshongwane kwiminyaka yoo-1997, ngokudiza oku ebantwini bathi
banethemba lokususa uluvo oluthi wakufunyanwa nesi sifo uza kufa kanti akunjalo
xa uzikhathelele.

I-ofisi yesebe lezeMpilo
kule dolophu liyawuncoma kakhulu umsebenzi wala mavolontiya akhuthaza abantu. Ngokwenkcukacha
manani zeli sebe bangamawaka asibhozo namakhulu asixhenxe abantu abatya amachiza
okuthomalalisa intsholongwane kagawulayo eNgcobo.

Ugqirha uNozuko Hlungulu
kwisibhedlele saseAll Saints uthi abantu baya bezamkela iimfundiso ngesifo
sikagawulayo. 

Uthi, owona mceli-mngeni banawo ngowabantu abafunyenwe
benentshongwane kodwa bangafuni kutya iipilisi ngelithi banedliso, ibekelo
okanye intwaso.

”Asinyhashi nkolelo yamntu okanye amayeza esintu kodwa
sikhuthaza ukuba umntu xa ethe wafunyaniswa enentsholongwane kagawulayo makatye
iipilisi, andule ke ukuhoya intwaso okanye idliso elo,” utsho uHlungulu.