Nisithuka njani nifun’ ivoti yethu?

Kule veki iphelilieyo ndifumene imbalelwano ye-imeyili esuka komnye wabahlobo bam bokukhula, nesithanda ukubhalelana ngesiXhosa xho, ukuqhawula esi siqhelo sethu sokubhala ngesiNgesi.

Bekungekho nto imandla, ibikukundikhangela nokundibulisa njengoko siqhele ukwenza xa sekumzuzu singasabonani okanye sagqibela ukuthetha ngomnxeba. Kule mbalelwano, umhloo wam uthabathe ithuba lokundibuza endikucingayo ngemiba edl’umzi kwezopolitiko nokunye futhi.

Mandicaphule amazwi kule mbalelwano athe aphembelela umxholo wesi sibhalo: “Seyilithuba noko singasathethi, kodwa ngokuqinisekileyo ndiyazi ukuba uyinike ingqwalasela imeko yezopolitkito apha kweli loo bawo.” Ukuqwela umhlobo wam ubhale wathi “…ingaba ngenene igazi lakho lisemthubi, mnyama nagolide?”

Xa ulilungu nomlandeli we- ANC ndiqinisekile ukuba nawe sewukhe wawubuzwa lo mbuzo, yaye into endiyiqwalaseleyo abantu abathanda ukubuza lo mbuzo yeyokuba impendulo abayilindeleyo yethi ‘siyayishiya iANC, sikreqela kweminye imibutho.’

Nomhlobo wam ke ebenendawana enqwenela ukuva oku, yaye ndive ngokubetha kosiba lwakhe ukuba ebelindele ndithi sendilungele ukuthwala ibherethi ebomvu. Impendulo yam kulo mbuzo utenxileyo inye qwaba jwi: “nokuba sekumnyam’ entla, ibala legazi lam soze lijike, ndizakuhlala ndiyi ANC de ndiwunabele uqaqaqa.” Okulandela le mpendulo iba zizithuko ngapha nangapha, sibizwe ngeempumputhela ezingenangqiqo.

Ndothuke ukuva ukuba sekukho negwijo elitshoyo, nendilive liculwa ngamalungu e EFF xeshikweni lo mbutho ububambe umsitho wokuphehlelela umqulu walo wezithembiso zolonyulo oluzayo loomasipala kwaNdonga Ziyaduma kulo Mgqibelo sisuka kuwo.

Andisayazi nokuba ihamba njani la ngoma, kodwa endikukhumbulayo ngamazwi athi ‘xa ulandela uZuma usisi maumau.’ Isi maumau ke ligama leSesotho elithetha ‘isidenge.’

Xa ulilungu nomthandi wombutho ophetheyo umoshe nje wavakalisa uluvo olugxeka ubugwenxa obenzeka embuthweni okanye eburhulumenteni, into yokuqala ozakubuzwa yona kukuba kutheni na ungayityesheli le ANC uzimanye nomnye wemibutho ephikisayo?

Ukwehliswa esihlalweni kowayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki, umba waseNkandla, ubunkokheli bukaMongameli Jacob Zuma, uqoqosho olungakhuliyo nezinga eliphezulu lentswela ngqesho, urhwaphilizo, usapho luka- Gupta; njalo njalo.

Le yeminye yemizekelo elukrozo ebonwa ngabanye abantu njengenkuthazo enokwenza amalungu eANC awushiye lo mbutho. Kwade kwabakho nomkhankaso owawuqhutywa ngula mbutho unemibala eblowu osisininzi eNtshona Koloni othi ‘iANC ayisafani.’

Enyanisweni akukho namnye umntu, nditsho nenkcubabuchopho enezidanga eziluthotho onokuwuphendula ngendlela eyonelisekayo nethe ngqo lo mbuzo wokuba kutheni abantu abangaphaya kwezigidi ezilishumi elinanye besabeke ithemba labo kumbutho weANC emva kwenimyaka engaphaya kwamashumi amabini iselulawuleni? Okanye mandiyibeke ndithi, akekho umntu onempendulo yalo mbuzo, nkqu neenkokheli ze- ANC eLuthuli House.

Bonke abazama ukuqashisela basoloko bebuya nembande yesikhova, kungoko bephela besibiza ngezidenge ezisoloko zibethwa ngemf’ imphindiwe, nezinikwa iipasile zokutya ukusivala imilomo. Akundimangazi ke oku, kuba kaloku seyisiqhelo into yokuba xa umntu engenanto inesihlahla anokuyitsho, isithuko yimpendulo.

“Ayiyomfihlo into yokuba umbutho wethu uyopha, hayi nje kancinci, yaye ndiyavuma ukuba sonke siziinkokheli zalo mbutho sinetyala lokuyekelela umxakatho de saba kobu bugxwayiba; kodwa kuyo yonke lo nto asoze ndiyishiye iANC. Bubomi bam lo mbutho, ngoko ndingasishiya njani isiqu sam?”

Le yimpendulo ka mam’ uNomzamo Madikizela-Mandela mhla wabuzwa ukuba angaze alishiye iqela leANC azimanye nelinye.