Ndiva kuliliselwa ngenkululeko;
Nam ndathatha khona;
Ndiva isankxwe ngayo le nkululeko;
Nam ndaland’ ekhondweni;
Ndiva isimbombonono ngenkululeko;
Nam ndambonzeleka;
Ndiva kubhiyozelwa inkululeko;
Nam andazibeka phantsi;
Ndithi iphi na le nkululeko?
Ndiyabhiyoza kuba kuyabhiyozwa;
Ndiyalilisela kuba kuyaliliselwa;
Ndiyambombozela kuba ndiyayiva imbombo;
Isankxwe sayo sitsho kamnandi;
Inqambuzane mna andiyiboni le nkululeko;
Mhlawumbi ndinengcinga zika Swanasibomvana;
Nith’ iphi nale nkululeko?
Yimbini yezolo kaGxuluwe; Siphila kwilizwe lezithembiso ezingafezekiyo Sihla nabehlayo sinyuka nabenyukayo;
Sicula nabaculayo nkululeko yityhiniphi;
Mhlawumbi inkululeko andiyazi;
Ubuyatha bam bundenza imfama;
Ubukhobokha bomphefumlo wam;
Bundenza ndibesisityhakala; Ukuhlupheka kwam;
Kuphazamisa ukuhlakanipha kwam;
Nkululeko wawuphi?
Uphi umhlaba wokhokho makwedini?
Inyani yemka namafanankosi;
Int’ezazingathengi buso;
Amangcwaba okhokho kutabhatwa phezu kwawo;
Kuphi ukuphumla komphefumlo?
Umphefumlo wabalele usemakhamandeleni;
Ubotshwe ngamatyathanga awunakukhululeka;
Inkululeko ebabeyilwela ibhangile;
Inkululeko exhanyulwa ngabathile ayikabi yiyo.
Sikhohliswa ligama;
Izenzo zobukhobokha zixhaphakile;
Sibethwa ngemf’ iphindiwe;
Umoya awukhululekanga uqamangekile;
Abaphezulu bathsanza ngabaphantsi;
Ingqeqe zibaleka nesijungqu sethambo elingenamongo;
Osokhetye bazisikela kwincuma;
Kuxhelw’ eXhukwane kohlohlesakhe;
Ziphi imfuno zabantu?
Impendulo uyayifumana emngxunyeni wentuku;
Kudlaliwe ngengqondo zethu;
Savulwa nje amehlo;
Sakrotyiswa nje ngentloko;
Kanti kuthiwa lala gusha ndikuchebe;
Akukho nkang’ idubul’ingethi;
Ngeny’ imini nathi sakubasethamsanqeni;
Siyingcamle le nkululeko noba kunini;
Intwana yethemba isekho; Singazi ke noba silind’ukuza kukaNxele.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?