Sele ingunyaka wesibini amadoda akumakhabathiso ahlukeneyo exoxa exavatha iindlela zokulwa iingxaki ezambethe intlalo eMpuma Koloni.
Le ndibanisela yenziwa ngamadoda akwizintlu ezahlukeneyo zentlalo ngelizama ukukhangela isisombululo kwingxaki ezidla umzi.
Eyona iphambili kwezi ngxaki zizakuxoxwa apha, yimeko yokubulawa nokudlwengulwa kwabantu abasetyhini abancinci nabadala. Iindlela zokuphucula ulwazi lamadoda malunga noxanduva lendoda endlini, ekuhlaleni nakwisizwe ngokubanzi.
Amadoda oMzantsi Afrika amaninzi asezintolongweni ngenxa yokubulala, ukudlwengula nokuzama ukwenza ezi zinto. Kubo bakhona abatyholwa bengenzanganto, kodwa baninzi kubo abachaphazeleke ncakasana ekubulaweni kwamanina nabantwana.
Ngamadoda adlwengula iintsana namaxhegwazana eMzantsi Afrika mihla le, kwaye abukho obunye ubungqina obuphikisana nobu. Ukusungulwa kweqonga lengxoxo enje phakathi kwamadoda, kubangela ithemba lokuba ngenene amadoda azakude akwazi ukwakhana nokufundisana.
Kodwa amaxesha amaninzi amadoda adlwengula, abulala amanina awazizimasi eziMbizo. Ngoko ke kumele ukuba kukhangelwe iindlela zokuba lamadoda afakwe phakathi kule ngxoxo ngandlela ithile.
Iintolongo zoMzantsi Afrika zigcwele ziyaphuphuma ngamadoda ophula umthetho ngokubulala amanina nokudlwengula abantwana. Akwa le mbizo iseGcuwa eWSU ingazama amaduna namathokazi ngokuthi idale uhlobo lamadoda ayaziyo indima yendoda ekhayeni layo nakwintlalo ebanzi. Indoda kaloku lilitye lokwakha intlalo, oku kuqala ngokuba izibonakalise kusapho layo, ibengumncedi nomkhuseli wosapho.
Iphuma ke ibe ngumkhuseli wabamelwane nabahlali bendawo ehlala kuyo ngokubanzi. Imbizo ke yindlela endala yokudibanisa amadoda okanye abantu balo ndawo ukuze bakwazi ukuxoxa ngezinto ezidla intlalo yabo. Ezi mbizo zendibano yamadoda zikwinqanaba lokugqibela ngoku kuba sele zisuka kwiYunivesithi ezifana neFort Hare eDikeni.
Oko kuthetha ukuba ngenene linatyiswe ifuthe lokukhuthaza, ukufundisa nokulumla amadoda kwimikhuba yokubulala nokudlwengula. Kaloku amadoda adalwe nguThixo ukuba akhokele amakhaya wawo, ukuze aphume apho akhokele intlalo ngokubanzi.
Phakathi kwezithethi ezizakwenza intetho ephambili eWSU eGcuwa kukho usekela somlomo wepalamente yephondo leMpuma Koloni uMlibo Qhoboshiyane. UGqirha Loyiso Nqevu sesinye sezithethi eziphambili kulo mcimbi nekulindeleke ukuba ondle iingqondo zamadoda ngolwazi.
Okunika umdla kakhulu kukuba ngamadoda angalinganiyo ngobudala azakuba exoxa apha. Amadoda amadala, aphakathi kwakunye namadoda amancinci. Izibi ezenziwa ngamadoda athile zichaphazela intlalo ngendlela ezininzi, amakhosikazi nabantwana abasawathembi onke amadoda. Ithi khona ukuba indoda ingxathu ebusweni kubonwe isidlwengu.
Kothi ukuba iyahlupheka inxiba dlakadlaka batsho oomama baqiniseke ukuba inokuba ingadlwengula. Nangona ke kunjalo ngokuse sele bekrokrela wonke ubani, nabantwana ngoku njalo abasawathembi amadoda.
Akwaba lembizo ingazala amaduna namathokazi ngokufundisa ngenene amadoda ukuba yintoni indima yendoda ekhayeni layo. Ukubhubha kwabakhwetha eSuthwini yenye yeengxaki ebonakalisa ukusilela kwamadoda ukwenza umsebenzi wawo entlaweni.
Makuxoxwe kuphunywe neziphumo ezakukhusela intlalo, kaloku intsapho ziqhekekile, abantu bakhubazeke emoyeni ngenxa yezinto ezenziwa ngamadoda athile.
Emisebenzini, entlalweni, ezinkonzweni abantu abasathembananga, bayoyikana ngenxa yeziganeko zokudlwengulwa nokubulawa kwamanina.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa