Njengoko sekuphinde kwafika ixesha…

Njengoko sekuphinde kwafika ixesha lokubhalwa kweemviwo zaphakathi enyakeni ngabafundi jikelele, kubalulekile ukuba sibaxhase kangangoko sinako ngenxa zonke ukuze baphumelele.

Kaloku imfundo sesona sisitshixo sokuvula iminyango esa empumelelweni nakwikamva elingcono, ingakumbi kumakhaya angathathi ntweni nathembele kwesi sizukulwana singumlisela nomthinjana ukuqhawula umqokozo namakhonkco entlupheko yeminyaka ngeminyaka.

Ezi mviwo zibaluleke ngakumbi kubafundi bebanga likaGrade 12 njengoko bezakusebenzisa ezi ziphumo ukufaka izicelo zokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo kulo nyaka uzayo.

Abanye kwaba bafundi kusengenzeka okokuba bazakuba ngabokuqala kwiintsapho zabo ukufunda kumaziko emfundo ephakamileyo, nto leyo engakhombisa ukujika kwezinto ngokomgangatho wentlalo yekhaya.

Okuqhelekileyo kukuba aba bafundi, inkoliso yabo eyeyasezilalini, bazixelele ukuba bazakufunda kwalapha ePhondweni laseMpuma Koloni kuba bengekayazi neyona nto banqwenela ukufunda babe yiyo, bengekalazi noluhlu lwezifundo abanomdla wokuzibhalisela bakwamkelwa kumaziko emfundo ephakamileyo.

Uninzi lwaba bafundi abayazi nokokuba kuqalwa ngaphi xa kugcwaliswa amaxwebhu ezicelo zokuyokufunda kula maziko. Ubungqina bokungazi kwabo bubonakala minyaka le ekuqaleni konyaka apho ufika bephithizela ezidolophini neemvulophu ezineziphumo zeemviwo besithi bakhangela isikolo.

Kuba lusizi ke kuba nabo baphumelele emagqabini bagqibela bengafundi unyaka wonke okanye emibini ngenxa yokungabikho kwendawo kula maziko kuba kaloku kule mihla isikolo asikhangelwa koko kufakwa izicelo zendawo yokufunda ezikhatshwa ziziphumo zeemviwo zaphakathi enyakeni ezizakuchotshelwa kwezi veki zizayo.

Okusaxhalabisayo kukuba izikolo ezisezilalini nasezilokishini ezininzi azibinayo inyhweba yokundwendwelwa ngamagosa amaziko emfundo ephakamileyo, aweenkampani ezinkulu eziqashayo, okanye amasebe karhulumente ukuzokucacisa ngohlobo lwezifundo ezingakhokelela kwimisebenzi ebalulekileyo kuphuhliso lweli lizwe.

Loo nto ikhokelela ekubeni abafundi abakwezi ndawo basilele ngolwazi olungabakhuthaza bafunde baphumelele baphinde bafake kwangethuba izicelo kumaziko emfundo ephakamileyo akwiindawo ngeendawo kweli lizwe nahlohla izifundo ezihambelana noko baneenjongo zokuba kuko ebomini.

Kwakhona, uninzi lwabafundi alunalo nofifi lokokuba xa lupase emagqabini lusengafumana imalinkxaso yokuqhubekeka nezifundo zalo.

Oku kunqongophala kolwazi kunye nokuswela ukuncediswa kwabafundi ukuba bafikelele kumathuba okufumana imfundo ephakamileyo kuko okusakhokelela kumsantsa phakathi kwabantwana abaphuma kumakhaya angathathi ntweni nabo baphuma kumakhaya ezinhanha, kubantwana abaphuma kumakhaya ekungafundwanga kuwo kunye nabo banabazali abafundileyo.

Aba bantwana sithetha ngabo bafunda ebunzimeni obenza ibe ngucimicimi ukuphumelela emagqabini, baphinde bajongane nobunye ubunzima bonkungafikeleli kulwazi olungabanceda baqhubekele phambili nezifundo zabo.

Kusenzima ukuguqula izizathu zingundoqo ezibangela ukungalingani kwamathuba emfundo kweli lizwe. Nangona kunjalo, kukhona esingakwenza kwenzeke.

Oko kukunikeza ngolwazi nenkxaso yokufikelela kumathuba emfundo ngokuthi bathumele izicelo kumaziko emfundo ephakamileyo kwangethuba.

Ukufikelela kumaziko emfundo ephakamileyo nakwimalinkxaso yokuhlawulela iindleko zemfundo kuyinto etsho ingqondo yomfundi ngamnye iphithane yaye kufana nomnqatsa ekunzima ukuwuqabela xa ungenabani okuncedisayo.

Kungoko amaziko emfundo ephakamileyo eququzelela ukuba abazali kunye nabafundi abakwisigaba sokubhalisa kula maziko batyelele imiboniso enikeza ngolwazi malunga nohlobo lokufaka izicelo zokufunda kusengethuba.

Kubalulekile okokuba abazali nabafundi bayihambele le miboniso. Kubalulekile okokuba izihlobo zabo bakude neendawo ekubanjelwe kuzo le miboniso zincedise ngokuqokelela amaphetshana anolwazi babathumelele ukuze bancedakale.

Ukuncedana ngolu hlobo kungakhuthaza abafundi bazimisele yaye baphumelele ezifundweni zabo, yaye bangadingi ndawo yokufunda okanye imali yokufunda babe bephumelele emagqabini ekupheleni konyaka. Masincedaneni sifunqulisane lo mthwalo. Abantwana ngabethu sonke.

Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!