Nkqi iimali zikatata!

Ndibone inqaku malunga neinshorens kaBra Lloyd Sitsheke.

Nathi ngapha ekhaya savelelwa yinto ephantse ibenjalo kodwa ke kwimeko yethu bekuyinkampani eyayisebenza utata iKhuselani Security eDurban.

Utata yena wabhubha ngomhla wesi 3 kuMatshi, kwayiwa ke emsebenzini wakhe emva kokwenzeka kweso siganeko bathembisa ke ukuba bazofaka imali emva kweeyure ezingama48 kodwa ke lo nto zange yenzeke.

Ndathi xa ndibatsalela umnxeba bathi bazobuyela kum kodwa abade babuyele.

Kwimeko ezinjalo ngawaphi amanyathelo umntu ekufuneka awathathe?- Simamkele Sonqishe