Nomhle Nkonyeni: Ndiyazingca ngesiXhosa sam

Igqala kwimidlalo kamabonakude uNomhle Nkonyeni (75) uthi nangona nje ekhulile, kodwa uzibona esemtsha kwaye akaziboni eyeka kulo msebenzi ombangele ukuba abeyindumasi kwicandelo lokubaliswa kwamabali kamabonakude ngesiXhosa.

I’solezwe lenze udliwano-ndlebe noNkonyeni ngethuba ebetyelele eMonti, lisiva ngeyona mfihlelo yakhe ebangela ukuba abeyintandane kwimidlalo kamabonakude.

Kutshanje, lo mama ebesandula ukuvela kumdlalo iScandal!, logama ekuqaleni kwalo nyaka ebekwiGazi. Eminye yemidlalo abonakale kuyo iquka iTsha Tsha, Mzansi, Home Affairs kwakunye noNgempela.

Le nzalelwane yaseBhayi yaziwa kakhulu ngokuthetha kamnandi ulwimi lwesiXhosa kumabonakude. Enye into ebangela ukuba aqatshelwe yindlela agxininisa ngayo xa ethetha.

UNkonyeni, onamava eminyaka engamashumi amane anesibhozo kwimidlalo kamabonakude, uthi into ebangele ukuba abekanti usekweli candelo kukuthobela abo asebenza nabo kwanokumamela ingqeqesho yabazali bakhe.

UNkonyeni uthi intetha yakhe emnandi yesiXhosa ayinikwayo xa elungiselela umabonakude akayicwangcisi iyazizela ngokwendalo.

“Ndiyazingca ngolwimi lwam. Alukho olunye ulwimi endilazi ngcono ukogqitha isiXhosa esi ndasincanca ebeleni. Mna andiye ndizenze umntu endingenguye kuba oko akubalulekanga,” kutsho uNkonyeni.

“Ndiye ndingayikholelwa xa abantu besoloko bendincoma ukuba ndisithetha kamnandi isiXhosa, ndicinge bekufanele ndithetha ntoni, njani ilulwimi lwam nje kuba olunye andinalo,” utshilo uNkonyeni.

Eli gqala lithi nokuba sele liphakathi kwezinye iintlanga luye luqhubeke ngokuthetha ulwimi lwalo, alilungiseleli bani ngokuthetha olunye ulwimi.

UNkonyeni uthi ikamva likhona kwimidlalo yesiXhosa kwiminyaka esezayo. Uthi uthabathekile yintetha yomphathiswa wezemidlalo ubugcisa kwakunye nenkcubeko uNathi Mthethwa, odize ukuba ngoku eli lixesha lokuba sibalise amabali ethu ngolwimi lwethu, sibalise ngembali yethu.

UNkonyeni uyaqhuba nokuphuhlisa abantu abatsha ngokomdlalo weqonga eBhayi.

Uthi umnqweno wakhe ngoku kukuba kuvulwe indawo apha eMpuma Koloni ezakujongana nokuphuhlisa abantu kwimidlalo kamabonakude.

Uthi kudala izithembiso zisenziwa nezingade zenzeke sukela oko wathi wabuya eGoli kweli phondo.

Ukwathe abantu mababuyele embo bazingce ngobubona ingakumbi kule nyanga yamagugu kwakunye namafa.

Abazali mababalisele abantwana ngembali yakwaNtu, utshilo uNkonyeni.