Nomonde: Akukho konwaba ejele

UNomonde ekunye nonyana wakhe oneminyaka emihlanu

UNomonde Mantame uthathe unyana wakhe oneminyaka emihlanu wambeka esifubeni ixesha elide emva koko wayokumcheba iinzipho, ngenxa yokuba lixesha elide engalifumani eli thuba nanjengoko egwetywe iminyaka elishumi ejele emva kokufunyanwa enetyala lokuphanga.

UMantame (32), waseMqanduli, waphanga imali ethe xhaxhe kwinkampani awayesebenza kuyo, nangavumanga ukuyichaza ngegama.

“Ndasebenzisa ubuchule obuninzi ngethuba ndiphanga le mali, kuba akukho mntu wonzakalayo. Ndandinolwazi oluninzi ngendlela egcinwa ngayo imali kuba ndandisebenza njengomnye woomanejala apha enkampanini,” utshilo uMantame.

UMantame wabanjwa ngonyaka ka2013, kodwa isigwebo seminyaka elishumi siqale kunyaka ophelileyo. Uthi wazisola xa kanye egqiba ukuphanga loo mali.

“Ndandisele ndinobudlelwane obuhle nabantu endandisebenza nabo, ngoko ke ndiyazisola,” kutsho uMantame.

UMantame uthi ukuqhawukana nabantwana bakhe abathathu yinto engamhlalisi kakuhle ejele. Abantwana ababini bahlala nomama wakhe logama omnye ehlala nomakazi wakhe.

Kwiveki ephelileyo, iSebe leeNkonzo zoLuleko eWestbank eMonti, lenze iKrisimesi apho amabanjwa angamakhosikazi ebedityaniswe neentsapho zawo.

“Asilifumani ithuba elaneleyo lokuchitha ixesha neentsapho okanye nabantwana bethu, ngoko ke ukufumana ithuba elinje yinto enkulu kakhulu kuthi. Kodwa ukuba awuziphethanga kakuhle ngaphakathi awukwazi ukulifumana ithuba elinje,” utshilo uMantame.

UMantame ebedlala nonyana wakhe, emana emonga, bemana ukudlala kubonakala ukuba kudibene abantu abathandanayo nabakhumbulanayo.

Ukhuthaze abaninzi abangaphandle esithi bangabi saqala ukuzidibanisa nolwaphulo mthetho, mabahambele kude kuba akukho mnandi ukubanjwa.

USekela Mkomishinala weSebe leeNkonzo zoLuleko eMpuma Koloni, uNoziphiwo Dumbela, uthi nakubo belisebe yimini ebalulekileyo le, ikwalulo noxanduva labo belisebe lokudibanisa iintsana noonina babo ngeli xesha leKlisimesi.

“Le mini ikhethekile, kuba sibanika inkululeko yokudibana nabantwana babo kuba asifuni buqhawuke ubudlelwane,” utshilo uDumbela.

UDumbela uthi amabanjwa angamakhosikazi bawathatha njengabantu abakhethekileyo kuba ayingobantu bafane baqhweshe xa sele bengaphakathi kunaxa kuthelekiswa nootata.

“Sinamabanjwa angamakhosikazi angamakhulu amathathu (300) eMpuma Koloni logama amabanjwa angootata ekumawaka angamashumi amabini (20 000) kwiphondo liphela,” utshilo uDumbela.

Omnye wabazali wamabanjwa ebese umzukulwana kunina wakhe olibanjwa uthe, ukubanomntwana ejele yinto engekho mnandi ingakumbi emntwaneni kuba akululanga ukuphendula xa esibuza umama wakhe ukuba uphi? Kwaye uzakubuya nini.