Nomzamo Winifred Zanyiwe Madikizela

Umnatha wonxibelelwano ulugcwabevu kule veki; abantsundu kooFacebook nooTwitter balwa kwamntu othi umam’ uWinnie Madikizela-Mandela wayekwanalo necala elibi.

Uninzi lwabo bagxininisa ukungcola kukaMadikizela-Mandela ngabamhlophe. Khangela nje ngegama elithi “Stompie” pha kumnatha wonxibelelwano, uyakubona iingxoxompikiswano ezigcigca ucalucalulo phantsi kwelo gama.

Eyona nto yoyikisayo ngumsindo ekusiya kucaca ukuba uzakude uphembelele izenzo zobundlobongela.

Kutheni abelungu bemcaphukela kangaka uMadikizela-Mandela? Ingxaki ngoMadikizela-Mandela kukuba kwakucace gca ukuba akoyiki mntu; wagrogriswa, wabanjwa, wahanjiswa ze, wangcikivwa kodwa zange agungqe.

Yayingumntu lo owayezimisele ukulwela inkululeko yeli. Singaze silibale mhla ngobusuku obubandayo bomhla we12 kuCanzibe 1969 amapolisa agaleleka kumzi wakhe oseSoweto bamthatha phambi kwabantwana bakhe; uZenani (10 ngoko) noZindzi (9 ngoko).

Bamthatha babashiya bodwa abantwana. Singaze silibale ebanjwe iintsuku ezingama491 nalapho wayedlakathiswa rhoqo.

Singaze silibale ukuba koka1977 wayokuhlaliswa eBrandfort eFreyistata ngenkani kwindlu engenambane, manzi, stovu nabhafu. Iminyaka eli19 kusithiwa angake alinge adibane nabanye abantu. Zininzi ke nezinye izinto awadibana nazo.

Kodwa eyayingalindelekanga emva kwayo yonke le ntsokolo nokulwa yayikukuqhawuka komtshato wakhe koka1992, emva konyaka nje ephumile entolongweni umyeni wakhe. Nangona kunjalo wayesoloko ekhona kwimicimbi yekhaya eQunu nakumngcwabo kaMadiba. Inene le nto ingumfazi iyakwazi ukunyamezela.

Maninzi amakhaya adilizwa yingcinezelo yocalucalulo, baninzi ababhubhayo besilwela le nkululeko kwaye kubalulekile ukuba singangeni kumgibe wokubekela phezulu abanye kunabanye. Umzabalazo yayingumasiphathisane.

Owayesakuba ngumongameli uThabo Mbeki naye ukhe wayithetha into yokuba babekhona nabanye abafazi abalwayo kulo mzabalazo, mhlawumbi uxanduva lwethu siliphepha kukukhangela nokuqaqambisa namanye amanina awayenegalelo elifana neli looMadikizela-Mandela.