Nqandani ingekehli iMarikana yesibini!

NgoMvulo womhla wesithathu kule nyanga yeDwarha, mna nabafundi bam besiXhosa, sithe sisafunda, sixoxa banzi kwaye sihlalutya umbongo kabawo uNgxilimbela SEK Mqhayi othi, “Itshawe laseBhilitane”, sihlisana sisenyusana, sibila sisoma kucazululwa intsingiselo yomhlathi okanye istanza sesihlanu kulo mbongo, stanza eso sityatyadula senjenje: “Hay`kodw`iBhritan`eNkulu, Yeza nebhotile neBhayibhile, Yeza nomfundis`exhag`ijoni, Yeza nerhuluwa nesinandile, yeza nenkanunu nemfakadalo,” dyulukudu, kwangena iqela labafundi becula besithi, “Sizophinda siyinyove, yelele mha, iyez`inqwelo bafundi, yelele mha,” bangene bacela ukuthetha, bagunyazisa ngelithi uqhankqalazo luka-#FeesMustFall luqalile, kwaye bacela wonke umfundi akhwele enqweleni, azibandakanye nedabi lokulwela imfundo engahlawulelwayo!

Ngoko nangoko ndisonge izixhobo zam zokufundisa, ndayalela abafundi ukuba bakhwele inqwelo, kuba ndihle ndabona ukuba nabani na onokuzama ukuma phambi komsindo wabafundi, angabe uzinqikela ilitye elineembovane!

Ndithe xa ndiqwalasela inkangeleko yeli dabi labafundi kweli lethu iziko iCPUT, kumanye amaziko afana neUCT, iWITS, iUFS namanye, ndaphawula ukuba asingabo bonke abafundi abazibandakanye nedabi lokulwela imfundo yasimahla!

Abaninzi kwaba bangazibandakanyiyo neli dabi, ngabo bangahlelelekanga nabanabazali abakwaziyo ukuyihlawula imali yemfundo yabantwana babo, kwanabo bakwinqanaba lonyaka wokugqibela wezifundo zabo!

Kwezinye izifundo, abo bafuna ukugqibezela imfundo yabo kwanabo banabazali abakwaziyo ukuyihlawula imali yemfundo, ubabona besala tu ukuphuma kumagumbi okufundela xa bekhutshwa ngabo baqhankqalazayo, kodwa noko kutshela kwabo kungancedi nto, kuba abo bazabalazayo bacula baze baxhentse kuloo magumbi kude kuphele ixesha lesifundo, kwaye oku kwenzeka abakwantsasana bekho bengayanga kukha ngca!

Kumaziko afana neUCT, iStellenbosch neWITS, kubonakala iqaqobana labafundi abaphikisanayo noqhankqalazo bephethe amaphetshana anemibhalo ethi bafuna ukuqhubekeka nezifundo zabo.

Kwelinye icala, nabo bafuna imfundo esimahla abavumi kugoba uphondo, bacula bephakamisa idolo kuqhume uthuli. Yile yantlukwano ke endixhalabisayo! Koku kungabi yimbumba nokungaboni ngasonye oku kundenza uvalo!

Sazi sonke mawethu ukuba kwidabi laseMarikana, kwimigodi eyayiphethwe ngabakwaLonmin, bathi bakuba yintlaba-zahlukane abasebenzi basemigodini kwelo laseRustenburg, kwaphalala igazi, kwenzakala abantu kalusizi!

Umthandazo nomnqweno wam ngowokuba abafundi bangabonwa bebambana ngezixhanti, benzakalisane, koko kumele kudaleke umanyano malunga nendlela efanelekileyo emayilandelwe kweli dabi labo.

Sisakhumbula kakuhle ukuba nalapho eMarikana, idabi lokunyuswa kwemivuzo lalomelele, kwaze kwathi kwakungabonwa ngasonye phakathi kweNUM (National Union of Mineworkers) ne-AMCU (Association of Mineworkers and Construction Union), kwakhangeleka ziqhawuka zihlangana, umsebenzi wabambana nomnye umsebenzi ngesixhanti, kusajongwe leyo, idabi lafuna ukuba buthathaka, kwalandela impalalo-gazi eyakhwankqisa ihlabathi liphela!

Kuloo mpalalo-gazi kwabhubha abantu abangama-44, kwenzakala nabanye abangama-78. Kwabo babhubhayo, abangama-34 babulawa ngelophisi, kwahlanza iselwa ngomhla wama-16 kweyeThupha ngo-2012, emva komlo phakathi kwamapolisa nabasebenzi.

Kumele ke ngoko kufundwe kuloo mpalalo-gazi, kumele kunqandwe ukubambana ngezixhanti nokudodobala kwentlonipho xa kuzatyalazwa.

Kumele kuxhinelwe umzabalazo ongenakulwa, ongenakrutha-kruthwano nongenakusilela kobunye! Sizibonile iziganeko zokutsha kwezakhiwo kumaziko emfundo enomsila!

Sizibonile iziganeko zokudubula kwamapolisa uhlwayo neembumbulu zeerhaba kubafundi kula maziko! Sibabonile nabafundi kumanye wala maziko bephindisa ngokugibisela ngamatye nokonakalisa izakhiwo eziza kuphinda zidingwe xa kumele kuqaliswe ukufunda kwakhona!

Ilizwe lihlokome lonke xa kubonwa amapolisa edubula, ebamba ngezixhanti kwaye erhuqa abafundi kwiziko laseRhodes eRhini!

Ezi ziganeko zalatha ukuba ilizwe lethu alifundanga ncam kwiziganeko zedabi elinokulwa, ukugxagxamisana, nokuphalala kwegazi ezehle ngaphambili!

Kumele ke ngoko kuxozwe mphini wumbi, kujongwe indlela yokuzabalaza kuthethwa ngazwi linye, kumanyenwe kwaye kungabanjwana ngezixhanti, ukuze kunqandeke iMarikana yesibini!

Usiyalil`ubawo uStompie Mavi ngaphambhili, esithi ngaphandle komanyano asinto yanto. Mkhumbuleni bafundi, bazali, basebenzi kumaziko emfundo enomsila, nani bagadayo nani bakwantsasana, xa wayethetha esenjenje, “Senzel`inceba Somandla.

Siph`amandla omanyano Qamata. Sisuk` ezants` emathunjin` entlupheko. Inzima siyayazi kule nto.” Ngaloo mazwi emvumi nesinyanya sendlu entsundu, kumele sisisizwe esisedabini lokulwela amalungelo aso, sikhokelise umanyano phambili, ukuze kunqandeke ukulwa, ukwenzakalisana, nempalalo-gazi!