Nqatha: ‘Ukuba uMabuyane ubekwa ityala, kuza kufuneka athi gu bucala’

UNOBHALA wamaKomanisi eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthi iANC izinikele ekulweni nobuqhophololo watsho esithi xa iinkokheli zalo mbutho zibandakanyeka kwizehlo zolwaphulomthetho, umbutho uza kuthabatha amanyathelo ngakuzo.

UNqatha, okwanguMphathiswa kwiSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, ebethetha eAbbotsford Christian Centre eMonti ngoLwesine ngethuba lengxoxo yamaqela ezopolitiko ngokumayelana nonyulo loomasipala.

UNqatha ebemele iANC kule ngxoxo, apho bekukwakho neUDM, DA, EFF neATM. Le ngxoxo ibiquzelelwe yiAfesis-corplan, umbutho ongenanto yakwenza norhulumente ogxile kakhulu kubulungisa bentlalontle kuluntu oluhlelelekileyo.

Amalungu eANC ezimase ingxoxo yamaqela ezopolitiko eAbbotsford Christian Centre eMonti UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Ethetha malunga nenyewe yokulwa ubuqhophololo embuthweni kuquka nombandela kaSihlalo weANC ephondweni uOscar Mabuyane ofunyanwe nguMkhuseli woLuntu ngelithi uxhamle ngokufanelekanga iR450 000 yeR1.1 million yomasipala waseMbizana eyayihlelelwe ukuthutha abazili baye kwinkonzo yesikhumbuzo kaWinnie Madikizela-Mandela ngo2018, uNqatha uthe imigaqonkqubo yeANC yiyo eza kujonganga nalo mbandela.

UNqatha uthe: “Sizinikele ekuqinisekiseni ukuba iinkokheli ezithunywe yiANC ziyaphendula ebantwini. Siza kuqhuba nokulwa nobuqhophololo, kuba sikwazinikele kwiphulo lethu lokuvuselela iANC.”

Xolile Nqatha

Malunga nombuzo ovele mayelana nombandela kaMabuyane, nobuvela komnye wabalandeli bamaqela aphikisayo obezimase ingxoxo, uNqatha uthe: “Ukuba (uMabuyane) ubekwa ityala, kuza kufuneka ethe gu bucala (kuxanduva lwakhe lwezolawulo). UMabuyane uza kujongana nemigaqonkqubo yeANC (ngokumayelana nale nyewe).”

UNqatha uthi phantsi kolawulo lwakhe, kukho ooceba abaye bagxothwa ngenxa yobuqhophololo.

“NdinguloMphathiswa othunywe yiANC, ndiye ndaqinisekisa ukuba abekho ngaphantsi kweshumi ooceba abagxothwayo ngenxa yezehlo zobuqhophololo.”

Oscar Mabuyane Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Kusenjalo, ngoLwesibini kulindeleke ukuba kuxoxwe isicelo senkundla esifakwe nguMabuyane efuna kunqunyanyiswe ukuba sesimeni kwengxelo yoMkhuseli woLuntu ngakuye. Esi sicelo sifakwe kwinkundla ephakamileyo eBhisho.