Nqulani nicenge ningxengxeze ngokukhawuleza!

Mabandl’akowethu ndiyoyika, ndiphethwe luvalo, umbilini undingcungcuthekisa ngaphakathi emphefumlweni.

Zithe zakuvakala iindaba zokwenzakaliswa kwenkomo ngabafundi bakwaNokholeji, umzi ontsundu wanxakama, wangqukruleka, kwavakala iincwina nesimbonono.

Konke oku kubangelwa kukothuka nokukhwankqiswa yiloo ntlondi imasikizi yokubulawa kwenkomo, ntlondi leyo ikhatshwa sisihelegu neshwangusha.

Umzi unxakamile kuba kakade kwasilwanyana esi siyinkomo, sithi sekufe enye phaya emadlelweni, uzibone ziqokelelana ziliqela, zakhe isangqa kuloo ndawo ife okanye yoselwe kuyo loo nkomo, zijonge phantsi, zinxakame zigxwala emswaneni zinika imbeko kuloo nkomo itshabileyo.

Naku namhlanje mawethu, isilwanyana esilunge kangakanana, isilwanyana esiyintsika nengxam yobomi bomntu ontsundu, sisenzakaliswa, sihlatywa ngezitshetshe side sife ngabantwana bethu, bathi bakugqiba ukwenza elo sikizi lihlasimlisa umzimba, inkomo bayityakatye, bayihlinze, bemke namalungu ayo kufikwe kusele amathambo negazi elalatha ukuba kuloo ndawo, bekuphalazwa igazi lenkomo yomntu ingenatyala.

Ingaba yindlala le ibangele ukuba aba bantwana benze isikizi elinje? Kudala kwalanjwa kwahlutshekwa, kwaye intlupheko ayizange ibe sisizathu sokwenza inyala elinokukhokelela umntu, abantu okanye isizwe kwishwangusha nenkxwaleko. Isenzo esilolu hlobo, sikhokelela kwiingxaki ezinkulu.

Ndiphakama nje sesi senzo ndothuswa kukuthi cwaka kwethu emva kwento embi kangaka eyenziwe ngabantwana bethu abakrazuke izimilo nabanokuqaqadeka ngokungathi batweze amatakane.

Ayizange imfuyo okanye impahla iphathwe ngolu hlobo nokuba besekutheni na. Khanimamele ndiniphakele iindaba ezi njengokuba ningafuni kufunda kwimizekelo yabanye abantu nje.

Kwisithuba seminyaka emibini kwesa sithili saMathole siquka uDaliwe; isiHoboti; iCumakala; iNdakana; amaBhele ukuya kuma ngeNcemerha, kukhe kwabanjwa oonyana bethu ababethe gqolo ukulimaza iinkomo ngokuzisika imisipha.

Zazisithi xa zophe zade zawa ezo nkomo, bazihlinze ukuze loo nyama iye kuthengiswa kwizilarha ezithile. Abo baziyo bathi abanye kwabo bafana baphela bevalelwa iminyaka entolongweni, ukanti abaninzi kubo, babesweleka ngokumasikizi ezingozini.

Ndithi kuni, lowo ulimaza imfuyo, uzibizela umgalagala!

Eyona ngxaki sijongene nayo isizwe sethu kukungazimameli iimfundiso zabazali, izilumko kwaneenkonde neenkondekazi ezaziyo nezinamava.

Ukuba ke abo bekumele kuzuzwa kubo ulwazi abasenaxesha lakugqithisela ubulumko bobomi kwabasakhulayo, umntu makafunde ukuze akhulelwe lulwazi.

Ingxaki ikho ke nalapha, kuba uninzi lolutsha oluntsundu alupheleli nje kukungabi namdla wakufunda iincwadi zesikolo, koko alunawo kwamdla wakufunda kwanto ebhaliweyo, nangani beluya kuvuna nto ngokufunda.

Khanifunde apha ke! Ingaba inkomo le inantsingiselo ni kumzi ontsundu? Inkomo kaloku yintsika yesizwe esintsundu.

Umoya wothungelwano phakathi komntu ophilayo nalowo ukwiintlanti nakumaxhanti eminyanya, udalwa ngumoya nobomi benkomo. Makukhatshwe kuzilelwe umntu osanduleleyo, oko kwenziwa ngenkomo.

Makabuyiswe lowo usanduleleyo, nalapha kukwacengwa ubomi benkomo. Makuhlanganiswe izihlwele zomzi, kubhenelwa enkomeni. Makwakhiwe ubuhlobo ngomba wobulawu nokwandiselana, nalapha sincedwa yinkomo. Inkomo nguvimba wendyebo kumzi ontsundu, inkomo ngumqondiso wentlutha kumzi ontsundu.

Khanifunde nimvisise ubawo uCredo Mutwa kula ncwadi yakhe ka1996 isihloko sithi “Isilwane,” xa ebalisa ngenkomo eyangena phakathi kwesizwe samaNgwane nesaMambayi ziza kulwa kwimfazwe eyayiphakathi kwazo.

Yathi yakungena loo nkomo, zozibini izizwe zabuya umva, kwalahlwa izixhobo, yabukelwa igqitha phakathi kwezo zizwe isiya kungena kumlambo owawusuka eMozambique uphelela eMpumalanga.

Nanamhlanje loo mlambo wathiywa ngokuba ngumlambo wenkomo, athi amaSwati yiNkomati River. Inkomo ngumlambo ohamba ngezitho zine! Inkomo lilanga lesizwe elikhanyisa sivuka ngentseni!

Inkomo sisiseko nengxam yobomi bomntu! Ubuntu bamandulo basekwa ngokwabelana nangokuphilisana ngenkomo, kangangokuba umntu ubesithi akulahlekelwa yinkomo, kunge kungathathwa ubomi bakhe kube kanye!

Zilumkeleni izinto enizenzayo bantwana bakowethu! Yizani magqirha, sondelani boosiyazi, yizani banquli, yizani zimboni, khanisondele zilumko, nikhangele ukuba le nto imbi kangaka yenziwe ngaba bantwana kule nkomo, yokuzala nkomoni na!