Numsa: Abasebenzi mabaxhamle nakwizabelo

UNOBHALA Jikelele weManyano yabaSebenzi beSinyithi (Numsa), u-Irvin Jim, uthi lifikile ixesha lokuba abasebenzi bangapheleli nje ekuxhamleni ngemivuzo kwiindawo abaphangela kuzo, koko baxhamle nakwingeniso eyenziwa yiloo nkampani ngokwezabelo.

UJim ebethetha kumsitho kumzimveliso wezithuthi uMercedes-Benz eMonti ngethuba kusungulwa umsebenzi wokwenziwa komgrugra we C-Class W206 ekulindeleke ukuba ithunyelwe kumazwe amalunga namashumi asibhozo kwihlabathi jikelele.

Umgrugra weMercedes Benz C-Class W206 osungulwe ngokusesikweni eMonti kwiveki ephelileyo UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Lo mgrugra usungulwe ngokusesikweni kumsitho obuzinyaswe nguMphathiswa woPhuhliso loQoqosho kuzwelonke uEbrahim Patel, iNkulubaphathiswa ephondweni uOscar Mabuyane kwakunye nengqonyela yakwaMercedes-Benz South Africa uAndreas Engling, ukubala nje abambalwa.

“Sisothulela umnqwazi isikhokelo saseMercedes-Benz, esikhokelwa nguAndreas nabanye oomanejala. Enye yezinto ekufanele ukuba iyasichulumancisa, kukuba noxa nje siphakathi kwingxubakaxaka yeCovid-19, sikwazile ukudibana apha (kwaMercedes-Benz) ukuze sithethe ngeendaba ezimnandi. Siyazifuna iindaba ezimnandi kweli lizwe.

“Kuni basebenzi, siyazibulela izakhono zenu zamava nezinzileyo nezibangele ukuba amaJamani aqhubeke nokutyala imali kulo mzimveliso,” kutsho uJim.

AbakwaMercedes-Benz mabangakhokeli nje kwimarike esele kudala bayifumana, kutsho uJim, koko “mabakhokele nasekwenzeni idemokhrasi kwindawo abaphangela kuyo abasebenzi bakhe. Makubekho iinguqu. NjengeNumsa, noxa nje siyivuma ukuba iinkampani ezikumazwe ngamazwe azinakunika abasebenzi izabelo (shares) kumashishini wazo, kodwa sicinga ukuba kuninzi okungenziwa”.

UNobhala Jikelele weNumsa u-Irvin Jim ethetha kwaMercedes-Benz eMonti UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UJim uthi iinkampani ezinkulu zifanele ukuba zinayo inkqubo yokuxhamlisa abasebenzi bazo kwakunye noosomashishini abamnyama ngezabelo.

“Bendikhe ndabuza ingqonyela yakwaToyota, futhi lo mbuzo ndiwubuza apha kwaMercedes-Benz, owokuba kutheni kungenakusekwa inkampani yokwenza izixhobo zemoto izithumele kooMercedes-Benz nooVW, nezinye, apho abasebenzi bangathi bathenge izabelo, apho abantu abamnyama bangathi batyale imali khona?

“AbakwaMercedes-Benz mabacinge malunga nale nto. Ukuba aba basesebenzi bayakwazi ukwenza ezi moto zisemgangathweni kanje, bangenza into efanayo ekuxhonkxeni izixhobo zemoto ezisemgangathweni (phantsi kwenkampani ezimeleyo),” utshilo uJim.

Yimali ekwiR3 billion etyalwe ngulo mzimveliso kulo msebenzi wokwenziwa kwale C-Class W206, ukongeza kuleyo yeR10 billion eyayityalwe ngo2018.

Unyaka ka2020 ubunzima, utshilo uEngling, “kodwa sikwazile ukufezekisa obesikucwangcisile”.

“Sikulungele ukwenza entsha kraca iC-Class. Apha kwiMercedes-Benz South Africa, intshisakalo yethu isiqhubela ekwenzeni okugqwesileyo, kwaye yile ntshisakalo eqhuba iqondo eliphezulu lendlela esisebenza ngayo,” utshilo uEngling.

UMabuyane uthi ngumsebenzi omhle kakhulu lo wenziwe ngulo mzimveliso. “Isinika uchulumanco singurhulumente waseMpuma Koloni ukuqaphela ukuba phakathi kwabantu abathe bakha lo mgrugra (W206) siwusungulayo ziintombi noonyana abathe baqeqeshwa kwiMercedes-Benz Learning Academy (ekwaseMonti).”