‘Nyaka oyokozela amathamsanqa!’

Uninzi lwezinto zabantu basemlungwini ziyandixaka mna mntu wabengubo.

Ndithi zizinto zasemlungwini ke kuba ndidibene nazo mhla ndashiya ikhaya ndisiza etorhweni; ndafikela kubantu abohlukileyo kwabo ndikhule ndibabona, ndibeva, ndifunda kubo. Ngeso sizathu ke ndithi ngabasemlungwini, baya kuzithethela ngokwabo ke ukuba akunjalo.

Ndisoloko ndiwatsibela ngomdla amathuba okugoduka njengokuba ndilapha etorhweni, athi akudlula ndibuyele kwasebukhobokeni bam ke. Iiholide zehlobo lelona xesha ndilithanda kakhulu, noninzi lwamagoduka akowethu ke akwanjalo.

Xa ndibuyela etorhweni, kumanqe eyoMqungu nyaka nonyaka, oogxa bam endikhoboke kunye nabo bandamkela ngombuliso weminqweno ‘yonyaka oyokozela amathamnsanqa’. Nabani na ke owenza lo mbuliso ulindela ukuba kwenziwe njalo nakuye, anqwenelelwe unyaka omhle.

“Complements! Nyaka omtsha! Happy New Year! Nyaka oyokozela amathamsanqa! Wanga lo nyaka angakuphatha kakuhle!” Leyo yimibuliso yabantu ababonana okokuqala kwinyanga yoMqungu, ikhatshwa lulwangano novuyelwano. Nolwangano olo ke mna ndidibene nalo apha. Ndikhule ndiluva kwaJuda, hayi apha ekhaya. Mna ngokunokwam ndinga ndingaphelela nje kubamb’ isandla.

Kokwam ke ukuthabathisa, isingathi kukuntlamana le mibuliso. Unyaka awuzange wabanjani, wasoloko unjengoko wawunjalo. Iinguqu esizibonayo nyaka nonyaka zezendalo kuphela, izinto ezifana nokuguquka kwesimo sezulu. Kambe ke nazo ezo azidalwa ngunyaka, koko yindlela ezimiselwe ngayo nguMdali ukuba ziguquke zibe njengokuba sizibona. Akukho nto idalwa ngunyaka. Endaweni yokufuna ukuphathwa kakuhle ngunyaka kumele ibe sithi abafuna ukuziphatha kakuhle enyakeni lowo.

Ukuba akunantsebenzo, leyo nto sukuyityhola enyakeni, zigxeke wena okanye ugxeke izinto ezibangele ukuba intsebenzo yakho imke nomoya.

Ukudla kwakho intsebenzo akuxhomekekanga enyakeni, kuxhomekeke kuwe. Abantu bamele kukuthetha neziqu zabo ke ngoko, ukuba baguqule izimilo zabo zilungele uminqweno yabo.

Ubutsha bonyaka akukho nto buyenzayo emntwini, ngumntu ngokwakhe oba nemikhuba nezimbo nesimilo esitsha. Unyaka uhamba indlela yawo oyimiselweyo yeminyaka ngeminyaka, neenguqu kwindalo zihamba eyazo, nabantu bahamba eyabo.

Ukunqaba kwezimilo ezisulungekileyo ebantwini akudalwa kukuhamba kweminyaka, kudalwa zizenzo zabantu.

Ubunxila obugqithisileyo obuwelele nasebantwaneni nobugebenga obudlungileyo kule mihla yimiphumela yezenzo zabantu. Iinkqubo ezingasemanga ngendlela esazalwa zime ngayo zingenxa yezenzo zabantu. Masithethe nabantu ke ngoko singathethi nobutsha bonyaka ngokunga kukho into obuya kusenzela yona.

Le mibuliso, kokwam ke ukuthabathisa, yimbanxo njee yokuba indalo le kaMdali ilulanyiselwe kokungelutho. Ukuba ndinxila ndingazazi negama lam, ube unqwenela ukuba ndahlukane nalo mkhuba wam kulo unyaka, umele kuthetha loo nto.

Umele kukuthi “Nxuba, mawuphele lo unyaka ungakhange ufake nobepeni emlonyeni wakho”. Ndim oza kwenza loo nto ukuba ndiyafuna, kungenjalo ndiza kuhlala ndilela nxila lakwatshabalenkoduso nakulo unyaka. Thetha nam ke ngoko, hayi unyaka omtsha.

Phaya kwelakuthi, kubantu endikhule nabo nendikhulele kubo, asinambuliso wonyaka omtsha unje ngalo ndiwuchazayo. Ndisitsho nje sele ungene kwintsha yakuthi, kodwa thina ngokunokwethu asinjalo.

Okwethu iba kukubulela kuMdali, sivuyela ukuba esangeze unyaka kwiminyaka esele siyiphilile, sizithelekisa nabo bathe bona abayifumaba inyhweba esiyinikiweyo thina. Imibuliso yethu neenkcazo-mpilo zijikeleza imibulelo. Emva kwaloo mibulelo ke iba yimithandazo yokuhlangulwa kwizimo ezibi ezidlungileyo, ekungaxhomekekanga kuthi ukuguquka kwazo. Kuphele ke apho okwethu ngokusingise kunyaka omtsha. Goba msenge iibhokhwe zikudle!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.