Obambele njengomanejala eMnquma unikwe uxanduva efika

UThemba
Hani obambele njengomanejala kuMasipala waseMnquma, eGcuwa, sele enikwe
uxanduva efika libhunga lokuba enze uphando malunga nokusetyenziswa kwezimali
kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo.

UHani
ufike ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga, ethunyelwe ngumphathiswa
worhulumento nentsebenziswano kweli phondo, uFikile Xasa, ngenjongo zokuba
azokuncedisana noMasipala kulawulo.

Ubambela
emva kokuba kusweleke obenguManejala woMasipala nobenqunyanyisiwe, uSindile
Tantsi kwingozi yemoto kwiiveki ezibalekayo ezidlulileyo.

Imibutho
equka i-United Democratic Movement, iCongress of the People kunye neDemocratic
Alliance, ikwamkele ukuthunyelwa kukaMnu Hani ukuze azokuncedisa uMasipala
waseMnquma obusoloko ungundaba- mlonyeni ngenxa yolawulo olugwenxa kwade
kwabanjwa nobesakuba nguManejala walo Masipala uSindile Tantsi, malunga nezityholo
zorhwaphilizo, ubuqhophololo kunye nokwehlisa ngomlenze izigidi ngezigidi zeerandi
ekunye nosomashishini waseGcuwa, uSive Nombembe.

Inkokheli
yombutho we-UDM ngaphakathi ebhungeni, uZama Mqolo, uthi ngexesha efika
uMnumzana uHani bavumelene kwelokuba aqale enze uphando malunga neenyanga
ezintandathu uTantsi ebengekho, ajonge ukuba uMasipala ebeyisebenzisa njani
imali.

Ukutsho
oku emva kokuba uSodolophu woMasipala waseMnquma uThobeka Bikitsha othule
intetho yakhe yobume boMasipala eMsobomvu ngoLwesibini.

“Ndiyakrokra
ukuba kubekhona ukungasetyenziswa kwemali kakuhle nangexesha uTantsi
enqunyanyisiwe, nto leyo eyenze ukuba sithi kuManejala obambeleyo, uMnu uHani,
makaphande ngokukhawulezisa ngaphambi kokuba asebenze nathi,”  utshilo uMqolo.

Uthi
lonke ibhunga livumile ukuba kwenziwe uphando emva koko kuze ingxelo
ngaphambili.

Inkokheli
yeCope uMbasa Ntongana, uthi bakhona ababonakale bengakuxhasi ukuthunyelwa kuka
Mnu Hani, kodwa yayikwalibhunga elalibhalele uMphathiswa uXasa kunyaka ophelileyo
ngeyoMsintsi, licela angenelele emva kokuba kwanqunyanyiswa uTantsi ebekwa
izityholo zolawulo olutenxileyo.

“Sifuna
uzinzo kuphela kuMasipala waseMnquma ukuze iinkonzo zifikelele eluntwini kwaye
sifuna usodolophu uBikitsha aphucule impilo zoluntu lwale ndawo,” uqhube watsho.

UMqolo
noNtongana bathi eyona nto ithwaxa lo Masipala waseMnquma amaxesha amaninzi,
ngabasebenzi abafaka impumlo kwimicimbi yezopolitiko kwaye bekhetha amacala
athile.

Bathi
ukuba ingaphela lo nto sokuze uphinde uve lo Masipala kuthethwa izinto ezimbi
ngaye.

Kangokuba
uluvo lwabo lungqinwe nanguSomlomo webhunga uZibuthe Mnqwazi ngexesha ethetha
emva kokuba usodolophu uBikitsha enze intetho yobume boMasipala.

Uthe
“abasebenzi mabahoye umsebenzi wabo, bangazifaki kwizinto zepolitiki, bayekele
abezopolitiko bapolitike ngokwabo.”

Usodolophu
uBikitsha uvumile ukuba lukhona uphando olwenziwayo malunga nokusetyenziswa kwezimali
zomasipala.