Obedlala kwiPSL ukwinyathelo lomswenko

UVusumzi Yashe owayesakuba ngunozinti weqela lebhola ekhatywayo iMthatha Bush BucksUmfanekiso: BHEKI RADEBE

EBESAYA kuba ngunozinti weqela iBush Bucks laseMthatha futhi lo msebenzi uwenze ngempumelelo wayokudlalela namanye amaqela akwiPSL, kodwa ngoku uqale inyathelo lokwenza nokuthengisa iimpahla ezibhalwe phantsi kwakhe.

Lowo nguVusumzi Yashe, okhulele eMthatha kodwa eyinzalelwane yaseCacadu (Lady Frere), odlale njengonozinti iqela elivisayo kwiBush Bucks. UYashe uqale iVY Legend, nezimpahla ezibhalwe phantsi kwegama lakhe ezifana neekepusi, izikipa, iibhulukhwe, iijezi nezinye.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa kule veki, uYashe, okhe wadlalela iZulu Royals neBloemfontein Celtic, uthi kudala lisengqondweni kuye eli nyathelo koko inkunzi (imali yokuqala ishishini) ibingumqobo kwaye ebefuna ukunika ixesha umgangatho weempahla aza kuzithengisa.

“Ndibone ukuba mandiqale eli nyathelo lempahla kuba ndingumntu ozithandayo impahla. Igama lomswenko ndilithiye VY (Vusumzi Yashe) Legend ngenxa yokuba abanye babadlali ebendidlala nabo kwinqanaba lePSL, bebeqhele ukundibiza ‘Legend’. Andiyazi ukuba kwakutheni bendibiza njalo, mhlawumbi kukuba ndiqale ndadlala phambi kwabo abanye babo,” utshilo uYashe.

“Eli nyathelo leVY Legend ndiliqale kwiintsukwana phambi kokuqala kweLockdown. Kudala ndilicinga eli nyathelo, kodwa ukuhlanganisa imali ibingumcelimngeni. Ndisebenza nabantu endithatha kubo iimpahla emva koko kuqale inkqubo yokuzibhala,” utshilo uYashe, oyeke ibhola ekhatywayo yodidi oluphezulu (professional) eneminyaka engamashumi amathathu anesibini.

UYashe uthi uchulumancile ngendlela abantu abasabele ngayo kweli nyathelo lakhe. “Abantu balithakazelele kakhulu eli nyathelo lam, kuba ndifumana iiodolo kooRhawutini nakooKapa. Enye into endiye ndaqinisekisa ngayo ngumgangatho wempahla.”

UYashe wenze isimemelelo kuluntu esithi ucela abantu bazenze kuye ngqo iiodolo zempahla.

“Ndiye ndithande ukuba abantu bathethe nam ngqo kwinombolo yam (076 215 9139). Abanye abantu ndiqaphela ukuba bathenga kum kuba befuna ukuthengisela abanye ngesambuku. Andiyikhuthazi lo nto kuba amaxabiso negama lenkampani angangenziwa kakuhle,” kutsho uYashe, ekwathi abantu bangaqhakamshelana naye kuFacebook (Vusumzi Yashe) okanye kwikhasi leempahla zakhe (VY Legend).

Ngaphandle kokwaziwa kwiBush Bucks, uYashe ukwadlalele amaqela afana neSantos kwakunye neSilver Starts. Ukhe wasebenza njengomqeqeshi woonozinti kwanosekela mqeqeshi kumaqela akwibakala leVodacom League.