Obekade exwaywa, namhlanje sisifundiswa

Owayexwaywa engakwazi ukuzihambela kwanokuzenzela nto ngenxa yokonzakala icala lomzimba, kungasebenzi neenyawo zombini, namhlanje ube ngumzekelo kwabaninzi abakhubazekileyo emva kokuba ethe wathweswa isidanga yiYunivesithi yaseFort Hare kwinyanga ephelileyo.

UFikile Ngcani, 40, waseDalubuhle eCofimvaba, encokola neli phephandaba, uthi wadutyulwa eseGoli ukuze abe ufa amalungu omzimba – nowalala into engapha kweenyanga ezintathu esibhedlele.

UNgcani wadutyulwa eziyele evenkileni ekufutshane kunalapho wayehlala khona eyokuzithengela into yokutya ngethuba kungena oonqevu kule venkile.

Uqhube wathi waba ngomnye wabathi behlelwa lilishwa lokuchanwa yimbumbulu entloko. Kodwa uthi ngeemfefe zikaThixo wasinda nalapho athi ukholelwa ukuba uThixo wamnika ngamabom elinye ithuba lokuphila.

“Emva kokuhlala ezo nyanga esibhedlele ndabuyela ekhaya kuCofimvaba ndongiwa, apho kwakunzima nyhani ndingaqhelani nemeko yokuxhomekeka emntwini ukuze kube kanti ndenza into. Kwakufuneka ndilinde abantwana babuye esikolweni ukuze ndibe ndiyaxwaywa, ndisuke kuloo ndawo bebendishiye ndikuyo kusasa,” utshilo uNgcani.

Ukumka kukaNgcani kowabo kwiminyaka engaphambili esiya eGoli eyeka isikolo wayeyokuzama impilo engcono njengoko kwakungathathwa ntweni kowabo.

“Ukuhamba kwam ekhaya ndishiya umama yayizinzame zoyokuncedisana naye ukuze kuphucuke impilo yekhaya lam, ndingazi ukuba ndakubuya sele ndikwimeko endingazange ndayicinga.”

Uthi ngethuba eseGoli ephindela esikolweni wayesithi le yeyona nto iya kuze iphucule ikamva lakhe.

UNgcani ubuyele kuCofimvaba ngo2008 eneminyaka engama28 emva kwezo nyanga zintathu elwela ubom bakhe esibhedlele. Uthi okwamncedayo ukuze abe unokuziphakamela, wancedwa kukunyangwa ngokwesiNtu. Wanyangwa ngutata oligqirha welali yakhe ukuze abe ubona umohluko wakwazi ukuphakama.

Uqhube wathi emva koko wacinga ukubuyela esikolweni de wabe ufikelela naseFort Hare eMonti, apho athi kukhona aye wafumana ubunzima waziva ngenene ukuba uphuma kwikhaya elitsala nzima kwaye naye waziva ukuba ukhubazeke nyhani njengoko kwakunzima ukuncedakala lula kwezinye zezinto esikolweni.

“Andikholelwa ukuba ndim lo unesidanga namhlanje. Ekunyamezeleni umvuzo ukhona. Akhona amaxesha apho bendiye ndifune ukuyeka kodwa ndiphinde ndicinge ukuba bendiqalelani xa ndiza kuyeka. Kwabo bafana nam balahlekelwa lithemba, zama ukuze ungabingomthwalo kakhulu ebantwini,” uvale ngelo uNgcani.

UNgcani kwinyanga ephelileyo ufumene umsebenzi wethutyana kwisebe lezeMfundo elikuCofimvaba. Lo msebenzi wethutyana uza kuthatha iinyanga ezilithoba ekuwo.

Ubulelele kumagosa ambalwa athe amxhasa kubunzima bakhe eFort Hare, ebulela kwabamncedise ngeempahla zokugreda kuquka negawuni ngosuku lwakhe olukhulu.