Obelahlekile ufunyenwe esisidumbu emlanjeni!

Imifanekiso: SAPS

AMAPOLISA akuCentane eMpuma Koloni avule ityala lophando emva kokufunyanwa komzimba wendoda enama27 eminyaka ubudala nebichazwe njengelahlekileyo. 

Ngokwengxelo kaCaptain Jackson Manatha onguMlomo wamaPolisa, umfi, ochazwe njengoZwelethu Njama, ugqityelwe ukubonwa ngoMgqibelo weveki ephelileyo eGaqa, kwilali yaseNxaxo kuCentane. 
“Uchazwe njengodukileyo. Amapolisa akuCentane encediswa liqoqo lophando nohlangulo laseMonti kwakunye nabahlali baseNxaxo, bakhangele babuya nelize,” kutsho uManatha. 
UCaptain Manatha uthi umfi ubonwe ngumntu obegqitha edada emlanjeni eGaqa, eNxaxo kuCentane ngentsasa yanamhlanje (iCawa). 
“Umzimba womfi bungenamanxeba kwaye umnxeba wakhe ophathwayo ufunyenwe kuye, ” kutsho uManatha.