Obelala esamenteni uncedwe ngamapolisa

UThemba Njikelana waseMdantsane ulungiselwe ikhaya lakhe, wathengelwa nefenitshala ngamapolisa aseVulindlelaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

“Xa bendimana ndihlamba iimoto zamapolisa, ndicoca nesikhululo samapolisa aseVulindlela eMdantsane, bendingathunywa mntu, bendisenza into endiyithandayo, kwaye zange ndiyazi ukuba loo msebenzi wam uyaqatshelwa ngamapolisa.”

Lawo ngamazwi kaThemba Njikelana, 70, nobengawuvali umlomo luncumo emva kokuba ethe wahlaziyelwa indlu yakhe ekwaN.U. 12 eMdantsane ngamapolisa aseVulindlela. Indlu kaNjikelana ipeyintiwe, ze wathengelwa neempahla zendlu.

Lo kaNjikelana uyakuthanda ukusebenzela amapolisa, kangangokuba ude adele neengqele kwanemvula.

Lo tata sele ehlala yedwa kweli khaya nanjengoko ediza ukuba sele wohlukana nonkosikazi wakhe.

Kule ndlu yakhe bekungekho nebhedi le yokulala. Ebesondlala phantsi esamenteni xa eza kulala. Udonga lwendlu belusele lwatshintsha umbala, ngenxa yokungapeyintwa.

Amapolisa akhuphe kuwo ezipokothweni ukuze aphucule imeko yendlu kaNjikelana.

UNjikelana uthe: “Bethunana andizazi nokuba mandiqale ngaphi ngombulelo endinawo kuba le ndiyenzelweyo into andizange ndayicinga. Kodwa ndiyawazi amapolisa aseVulindlela ukuba ngabantu abanobuntu.”

“Ngokumane ndicoca phaya esikhululweni bendingenzeli ukuba ndibonwe okanye ndibathenga, mna bendinceda nje kuba bengenaye umntu. Ibikukuzithandela nokukhuthala kwam, ndikwenza oko ndingajonganga nzuzo,” utshilo uNjikelana.

Obesakuba yiNkumanda kwesi sikhululo nosele esidla umhlalaphantsi, uColonel Monde Mgolondela, uthengele eli xhego iisofa kwakunye nebhedi. UMgolondela uthi kudala wayibona imisebenzi kaNjikelana esekwesasikhululo. “Oku kusuka kum entliziyweni ngenxeni yemisebenzi ethe yenziwa ngulo tata. Ukufika kwam ndizokubona emva kokufumana umnxeba kumapolisa aseVulindlela, ukungena kwam ndifike imeko imbi kakhulu kwaye inganyamezeleki into yokubona utata omdala olala phantsi, kwaye ongenaso nesitulo esi sokuchopha. Oku ndikwenze ngenxa yemisebenzi yakhe,” utshilo uMgolondela.

Isithethi samaPolisa, uKapteni uNkosikho Mzuku, uthe oku kwenziwe nguMgolondela, encediswa ngamapolisa aseVulindlela, kunqabile ingakumbi engasekho phakathi kwabo.

“Usifundisa ubunye kuba amaxesha amaninzi umntu usoloko efuna ukufumana, hayi ukukhupha.

“Sibone kufanelekile singamapolisa ukuba senze okuhle, sisenzela umntu wasekuhlaleni. Esikwenzele lo tata, kuza kubangela isidima nakuye njengomhlali wale ndawo,” utshilo uMzuku, esithi bayalibulela igalelo likaNjikelana ekuhlaleni.

UNozintombi Hontonti wamaPolisa asekuHlaleni, uthe kuhle okuthe kwenziwa ngamapolisa kuba lo tata akanabani uhlala yedwa.