Obesakuba nguceba ubanjelwe ukuxokisa uluntu

 

Ibutho lamapolisa eliphanda ngamatyala anobuzaza iiHawks liphinde lambamba kwakhona lowo obefudula enguceba eAlivani uNtombizanele Williams (54) kulandela amatyala okuthengisa iziza zezindlu ngokungekho semthethweni.

UWilliams wabanjwa ziiHawks ngo2015, kulandela iingxelo zokuba wayethengisa iziza zezindlu kuluntu ngokungekho semthethweni. Lo kaWilliams wayethengisa ezi ziza ngemali ekumawaka amabini eerandi (R2 000) ukuya kumawaka alishumi eerandi (R10 000).

Isithethi seeHawks uKapteni Anelisa Feni uthi uWilliams, owayenguceba kumasipala iMaletswai osele usaziwa njengeWalter Sisulu ngoku, wayethembisa uluntu lwaseAlivani ukuba xa bethenge ezi ziza kuye bazawukwakhelwa izindlu ngumbuso.

UFeni uthi uWilliams bekufanele ukuba uvelile kwinkundla kamantyi waseAlivani ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kuTshazimpuzi nyakenye, kodwa akazange abonakale nangotshengele enkundleni.

“Saye sakhupha umsila wengwe kwaloo mini. Kude kwabe kanti nguLwesibini wale veki apho aye wavela enkundleni,” utshilo uFeni, esithi lo kaWilliams useseluvalelweni lwamapolisa de aphinde avele ngomhla weshumi kule nyanga.