Ogqwese kulwimi lesiXhosa ukwanguye nombhali wemibongo yesiXhosa!

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade, uMivuyo Sinothando Mpoyiya waseSt James High School kwakunye noMphathiswa uBukiwe Fanta: UMFANEKSIO: Abongile Ginya

UMivuyo Sinothando Mpoyiya (17) wesikolo iSt James High School, eCofimvaba, phantsi kweChris Hani East District, ofumene iwonga lokugqwesa kulwimi lesiXhosa kwiziphumo zikaGrade 12 eMpuma Koloni iphela, uthi nangona nje kulindeleke ukuba afundele izifundo zomthetho, ecaleni uza kuqhubela phambili nokubhala imibongo namabali amafutshane esiXhosa njengoko ekwanguye nombhali osakhasayo.

UMpoyiya welali yaseGoso, eNgcobo, uthi injongo yakhe kukuba ufuna olu lwimi lungacimi ukuze lusetyenziswe nasisizukulwana esizayo.

“Ngexesha lam, ndiye ndibhale amabali nemibongo engemvakalelo yam ngalo mzuzu. Andikawapapashi kodwa iphupha kukuba ndibe neencwadi ezipapashiweyo ukuze ndityebise olu lwimi lwethu futhi lingalityalwa ngabantu abaNtsundu,” utshilo uMpoyiya.

UMpoyiya uthi ubuxabisile ubuyena kwaye ungumntu oyaziyo nembali yakhe. Uthi khange abe yedwa kwimpumelelo yezifundo zakhe, nootitshala bakhe bayenzile indima yabo. UMpoyiya thi abantu abatsha mabayithathele ingqalelo imvelaphi yabo, bazazi futhi baluthande ulwimi lwabo.

Omnye wabafundi abagqwesileyo kwiziphumo zeMatiriki kunyaka ka2024, uMandilakhe Mpetukana, obefunda eHolly Cross S.S.S, eMthatha, uthi khange kube lula efundiswa ngumzali omnye, ongumama wakhe, kodwa kuba enephupha kubo obo bunzima khange aphele mandla. UMpetukana uzalelwe kwilali yaseMancam eMqanduli.

UMandilakhe Mpetukana waseHolly Cross ozenzele igama naye kwezemfundo eMpuma Koloni. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

“Ekugqibeleni, nam ndiyazidla ngam kuba oku ziziphumo zokubonakalisa ukusebenza ngokuzimisela kwam nokuzinikela. Mhlambi ngendingekho apha namhlanje ukuba ndandinikezele kuba kona kona bezikhona izinto ebezinondenza ndinikezele kodwa khange kube njalo. Okubalulekileyo kukumane ndizikhumbuza ngephupha lam nokuba ndisuka phi, ndiya phi futhi ndifunani,” utshilo uMpetukana.

Uthi angacebisa abaza emva kwakhe ngelithi ukuzimisela awukuqali kwaGrade 12 kuba ufuna ukuphuma ephepheni, uqala kumabanga asezantsi. Umfundi owongwe njengogqwesileyo kwizikolo zabaphila nenkubazeko eMpuma Koloni, ngu-Indiphile Nange wesikolo iVukuhambe School esiseMdantsane.

Uthi unqwenela ukuqhubela phambili nezifundo zobugqwetha ukuze akwazi ukuncedisana nabakwimeko efana neyakhe. Uthi imeko akuyo yenkubazeko nemeko yekhaya lakhe khange imenze ukuba angazikhathaleli izifundo zakhe.

Omnye wabaphila nenkubazeko wesikolo iKhanyisa School for the Blind kwaDwesi eGqeberha, uLisa Tunce, uthi uyavuya ephumelele kuba uGrade 12 sisitshixo sempumelelo kwanekamva labantu abatsha. UTunce uthi ebefake isicelo sokufunda eNelson Mandela University apho afuna ukwenza izifundo zePublic Relations.

INkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, izamkele ngovuyo iziphumo zeMatriki zika2024 eziphucukileyo. Uthi oku kubonisa iinzame zabafundi, abazali nootitshala.

UMabuyane uthi bazoqhubekeka benguRhulumente bexhasa abafundi ngezixhobo zokuncedisana nabo, ekwathi abazukudinwa ukulwela eli phondo lingaphuncukani neziphumo ezincumisayo. IMpuma Koloni ifumene i84,98%.