Inkundla yamatyala yengingqi yaseMdantsane igwebe uMonde Mzondi (36) izihlandlo ezine (4) zobomi engaphakathi entolongweni kunye neminyaka emihlanu (5) eyongezelelekileyo emva kokumfumana enamatyala amabini, elokudlwengula nelokunukuneza ngokwesondo amantombazana angabamelwane bakhe kwilokishi iSiviwe eQumrha.
La maxhoba mabini anamashumi amabini anesibini (22) kunye neshumi elinesibhozo (18) ubudala, bebehlala bonke eSiviwe noMonde, nalapho wayekhe wacela la maxhoba ekubeni amthengisele intsangu yakhe kwaye amaxhoba awavuma.
Ngokwengxelo yesithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, ithi, ngomhla wesithandathu (6) kuMatshi 2018, uMonde wabiza amaxhoba esithi mawayokulanda iibhotile zotywala endlini yakhe uyawapha kuselwe. Ekufikeni kwabo endlini kaMonde, wafika watshixa ucango wanyanzelisa la maxhoba ukuba akhulule abeze oko azalwa.
UTyali uthi uMonde wathatha ifowuni yelinye lamaxhoba wathabatha imifanekiso yabo beze akugqiba wabagrogrisa ngelithi uzakuzifaka kuFacebook ukuba bayakhala. Emva koko wawanyanzela ekubeni akhwele ebhedini ngetshova ewadlwengula kungekho nekhondom.
Ingxelo iqhube yathi, emva koko le ndoda yagalela amanzi ekomini yafaka nomgubo omnyama kula manzi esithi umgubo ngowokucima ubungqina. Yanyanzela amaxhoba ekubeni avase amalungu awo angasese kula manzi.
UTyali uthi, sele enze ezonzame zingako uMonde, amaxhoba afika axela kumawabo ngokwenzeka kuwo nangona uMonde wayesele ebegrogrisile esithi uzakonzakalisa abazali babo ukuba bachazile.
Ityala laye lavulwa emaPoliseni, amaxhoba asiwa eMdantsane Thuthuzela Care Centre (TCC) ukuze afumane uncedo waze wabanjwa umrhanelwa.
Phambi kwenkundla, uMonde waliphika ityala ngelithi akanatyala kuba amaxhoba ngabantu aqhele ukwabelana nawo ngesondo nanini bevumelene kwaye ebeye awabhatale imali.
I-NPA isamkele esi sigwebo isithi oku kuza kuba sisifundo nakwabanye abahlukumeza abantwana nabantu ababhinqileyo ngesondo.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo