Ohamba ngeentonga ufuna isithandwa

UKhaya Cekwana nohamba ngeentonga umfanekiso: Buziwe Nocuze

Ukhangela umntu aza kumkuthanda umfana waseSiyahlala, eKapa, ophila nenkubazeko.

UKhanya Cekwana, oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu ubudala, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba udiniwe ngabantu abadlala ngaye.

“Ukhona umntu ebendinaye kodwa ke siye sohlukana emva nje kwenyanga ezimbini. Ingxaki undithathe kancinane kuba ndikhubazekile,”utshilo uCekwana.

Ebuzwa ukuba ingaba uthetha ukuthini na xa esithi ebethathwa kancinane ngulowo obesisithandwa sakhe, uphendule ngelithi: “Andiyiyo la ntlobo ingawevayo amazantsi. Awama ayasebenza kakuhle ngoku yena uye wacinga ndiza kufuna nje ukudlaliswa kube kuphelile – kanti akunjalo. Ndiyakwazi ukumonelisa umntu wam,” utshilo uCekwana.

Uqhube wathi ngokokuzalwa usuka eNgqamakhwe, eMpuma Koloni. “Nangona ndifuna umntu kodwa ndicela abantu abanabantwana kunye noomama abadala bangazihluphi, andibafuni,” utshilo uCekwana.

UCekwana uthi uzifunela nje intombi engenabantwana azakuthi ayithande amane eyivasa iinyawo ayiphekele. “Andifuni bantu abadlalayo, ndiyabazi abantu ngokuthanda ukudlala. Ndifuna umntu endizakumthanda naye andithande,” utshilo.

Lo kaCekwana uqhube wathi wazalwa engakwazi kuhamba kakuhle nto leyo emenza ukuba ahambe ngeentonga.

“Nanjengoko ndisithi ndifuna umntu kodwa ndiyaxolisa kwabo bahamba ngezitulo zamavili, hayi kuba ndingabathandi kodwa izakubakhona ingxaki kuba ndihamba ngeentonga andizukwazi kuzenza izinto ezininzi nezingenza acinge ukuba andimthandi,” utshilo uCekwana.

Sele eqalile nakumakhasi onxibelelwano ukukhangela isithandwa sakhe okaCekwana.

“Ndiphosa umnatha kuzo zonke iindawo kuba andazi apho ndiza kubamba khona. Yilo nto ndibonile ukuba mandizityande igila kuFacebook nakuWatsupp,” utshilo.

Lo kaCekwane uyigxininisile into yokuba umntu ocinga ukuba uza kuchitha ixesha lakhe ucela angaqali kuba akanalo elo xesha.

“Ndiyacela abantu bangajongi inkubazeko yam. Mabajonge mna neemfuno zabo endizakuthi ndizonelise,” utshilo.

Nabani na onomdla wokuba sisithandwa sikaCekwana angathi amtsalele umnxeba kule nombolo: 0783579905.