Okubi nokuhle koomasipala baseMpuma Koloni

UMphicothizimali Jikelele uKimi Makwetu UMFANEKISO OSELUGCINWENI
KOOMASIPALA baseMpuma Koloni abangamashumi amathathu anesithoba, babini kuphela abathe babhengezwa njengabo baneencwadi zezimali ezicocekileyo (clean audit), kulandela ingxelo yophicothozimali ebhengezwe nguMphicothizincwadi Jikelele uKimi Makwetu eKapa ngoLwesithathu.

Le ngxelo, kanyakamali u2016/17, idiza ukuba ngumasipala waseSenqu nowaseNgquza Hill kuphela abathe bafumana iincwadi ezicocekileyo. ISenqu yenziwa yidolophu yaseSterkspruit, Lady Grey naseBarkly East logama Ingquza Hill isenziwa yiFlagstaff neLusikisiki.


Noxa nje encome Ingquza Hill neSenqu, uMakwetu ukhwele ezehlela kwabanye oomasipala baseMpuma Koloni esithi basilele ekumiliseleni iingcebiso zeofisi yakhe. “Sasibalumkisile aba masipala ukuba bazinzise ulawulo lwabo, baqeshe abasebenzi apho kusilela khona kwaye bangakujongeli phantsi ukudityaniswa koomasipala,” kutsho uMakwetu.

UMakwetu uthi ngenxa yolawulo olugwenxa, yimali engaphaya kweebhiliyoni ezilishumi elinesithathu zeerandi (R13.558 billion) ethe yadyarhazwa ngoomasipala beli phondo kunyakamali ka2016/17.

Uthi ngenxa yoku iinkonzo ezifana neeprojekthi zokwakhiwa kwemigangatho neziseko azikhange ziye kuluntu lwaseMpuma Koloni ngenxa yobutitisholo kwizicwangciso.


Umasipala waseNelson Mandela Bay, Buffalo City, OR Tambo naseEnoch Mgijima, ngabanye boomasipala abathe bachitha imali ngendlela engamkelekanga ngokwale ngxelo kaMakwetu.


Oomasipala abangamashumi amabini anesibini bafumene uphicothozincwadi olungcono (unqualified with findings), abalishumi elinanye bafumana iincwadi ezimbi (qualified) logama abanye abane befumene uphicotho lodyarhazomali (disclaimer).