UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade, uthi beliphondo bakwenzile abebenokwenza kwaye bangenelela apho bekufanele bangenelele khona.
UMphathiswa ukutsho oku xa kanye ekhuthaza iphondo lonke njengoko bekuqala iimviwo zokuphela konyaka kubafundi bakaGrade12 kuMvulo wale veki.
Abafundi baqale ngephepha lesiNgesi kwaye akuvakalanga magingxigingxi afana nawokukopa kwabafundi kuquka nawokulengalenga kwamaphepha eempendulo phambi kokuba kubhalwe.
“Sikwenzile ebesinokwenza, silihambile lonke iphondo kwaye sangenelela nalapho bekufuneka singenelele khona. Siphazamile apho siphazame khona. Senze kakuhle apho sikwazileyo,” utshilo uGade.
Abafundi abachophele ezi mviwo kweli loMzantsi Afrika bangaphaya ko794,000 ngelixa amaziko wona eyi6800.
UMphathiswa weMfundo esiSiseko kuzwelonke uAngie Motshekga, uncome uGrade 12 ka2022 esithi unyamezele kwaye uzinikele.
UMotshekga uthi uGrade12 ka2022 ngomnye othe wachaphazeleka kwigalelo leCovid-19. Ubongoze uluntu ekubeni lunikeze inkxaso kwaba bafundi de ibe yiveki yokuqala yoMnga le bagqiba ngayo.
EMpuma Koloni bebonke abafundi bakaGrade12 bayi98 756 ze abangxungxileyo (part-time) babeyi18 856.
IMpuma Koloni kwiziphumo zikaGrade12 ku2021 iye yaphucuka ngomyinge ka73% isuka ku68.1% ku2020.
Namhlanje, uLwesine abafundi bebebhala izifundo zeHistory. Ngomso uLwesihlanu babhala izifundo zezibalo (Mathematics P1).
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8