Olwela uxhatshazo ubanjelwe ukuxhaphaza!

Okona kubebezelise umsindo imibutho engenanto yakwenza norhulumente yaseMonti ebiphambi kwenkundla yamatyala edolophini ngoMvulo, kukuba umrhanelwa ogama linguMzamo Ntoni (41) nojongene netyala lokuxhwila, ukudlwengula kwanobetha owasetyhini onama24, ubaphambili kwiingxoxo ezimalunga nokulwa izenzo zeGBV ekuhlaleni, njengoko engomnye wabo bathatha inxaxheba eMasivuke Community Development nejongene nokuphuhlisa uluntu lwaseDuncan Village.

Ingxelo ithi uNtoni esenza esi sehlo sibi kangaka uphila ngokutyikitya rhoqo njengoko ephantsi kwengqawule . Lo sele esuka kuchitha iminyaka yakhe ejele emva kokuba wathi wagwetywa, egwetyelwa ukubulala umntu kwiminyaka edlulileyo.

Ixhoba belisezinkundleni nalo ligcuma zintlungu linjalo, linamehlo abomvu, eli lisekunene linenxeba ngenxa yokunkulwa nguNtoni nobelivalele iintsuku ezintathu etyotyombeni lakhe eMoscow eDuncan Village, apho lithi belibethwa lidlwengulwa.

Ingxelo ithi kwabonwa lingabuyi elonwabeni ixhoba, zahamba iintsuku kanti liphantsi kokuphila nokufa.

UPhumeza Kwababa weMasivuke Community Development uthi okwenza umsindo kukuba kwezi ntsuku avingcele ngazo ixhoba ebemane esiya egadini yabo beyiMasivuke kutyalwe, kuxoxwe kwenziwe zonke izinto eziqhele ukwenziwa.

“Asazanga kanti le nto ayithethayo akayiphili ngaphakathi. Xa kuxoxwa kusiziwa nezisombululo esicinga zingalwa izenzo zeGBV ubakhona kwezo ndibano. Kona besimazi ukuba sesuka kuchitha ixesha ejele ngokubulala kwaye sibona ukuba noko uyazama kuba ethatha inxaxheba ekuhlaleni, kwaye siyazi ukuba akukho nto anokuyenza imbi ngokuba usatyityika njengoko ekwingqawule.

“Silapha kuba sifuna anganikwa bheyile koko agwetywe uMzamo, angabisaphuma kuba uluntu ingakumbi abantwana abakhuselekanga ekuhlaleni. Besicinga utshintshile kodwa xa esenza oku kubuyisela umva. Siyile mibutho sizolwela ukuba angaphumi kuba uyingozi ekuhlaleni,” utshilo uKwababa.

ULudwe Mbecela ophuma kwiHlumelo Foundation uthe: “Iziganeko ezinje zeGBV ingase ingabizizinto ezide ziqheleke ukwenzeka, kuba imbi into yoodade bethu abaphelela ezandleni zamadoda, abantu phofu ebekufanele ukuba bayabathemba kwaye bayabakhusela. Abantu ababini bangena kubudlelwane kuba bethandana kwaye bethembana. Ngobukho bethu apha sifuna ukubonisa ukuba bakhona ootata abakhathalayo kwaye abangahambisaniyo noku,” utshilo uMbeceni.

Ityala liza kuphinda lichotshelwe ngomhla we19 kuCanzibe. Akafumananga bheyile uNtoni useseziseleni. Kwaye noxwebhu lwezikhalazo zezi NGO lwamkelwe.

Imibutho ebiyokuxhasa ixhoba yiMasimanyane Women’s Rights International, Hlumelo Foundation kwakunye neKhwelo Network nephantsi kweMasimanyane.