Omawukuqaphele xa uqubha elwandle kweli hlobo

Ulwandle lwaseMontiUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Ixesha lokuphela konyaka lithetha ukuzonwabisa kuninzi labantu. Uninzi labantu luza kuzonwabisa ngokuyokuqubha elwandle.

Ngelishwa olu lonwabo luye luphele luzinyembezi xa abo baqubhayo kwiilwandle bengazikhathaleli izilumkiso zabasemagunyeni.

Awona malwandle atsala abantu abaninzi kwiphondo leMpuma Koloni aquka iMzamba eMbizana, iMbotyi eLusikisiki, iSecond Beach eSajonisi, iCoffee Bay eMqanduli, iDwesa kuGatyana, iQhorha kuGatyana, iQholorha kuCentane, iKei Mouth eGreat Kei, iChintsa kufuphi neMonti, iGonubie eMonti, iEastern Beach eMonti, iKidds Beach eMonti kwaneHamburg eNgqushwa.

EPort Alfred intandane yiKelly’s Beach, logama iKings Beach yaseBhayi iye itsale amawaka ngamawaka abantu kweli xesha lokuphela konyaka.

Kodwa ukhuselo alukho kuzo zonke iilwandle zaseMpuma Koloni. Oku kuye kukhokelele kwiziganeko zokwenzakala kwabantu ngenxa yongcoliseko kwanokurhaxwa kwabo bangakhathaleli miyalelo.

Ezinye zezinto zokuqaphela ukhuseleko elwandle kukubona iflegi eluhlaza (Blue Flag). Le flegi ikhutshwa yinkampani iBlue Flag South Africa ngokubambisana neFoundation for Environmental Education kwakunye neWildlife and Environment Society of South Africa (WESSA).

Le flegi iluhlaza iphephezeliswa kwiilwandle ezicocekileyo futhi ezikhuthaza ukukhathalelwa kwendalo. Kwixesha lehlobo lika-2016/17 iilwandle zaseMpuma Koloni ezifumene le flegi zisixhenxe kuphela. Ezi lwandle yiKariega eNdlambe, iKelly eNdlambe, iDolphin eKouga, iHumewood eBhayi, iKings eBhayi, iHobie eBhayi kwaneHamburg eNgqushwa.

Iqumrhu likazwelonke lezohlangulo kwiilwandle (National Sea Rescue Institute) licebisa abantu abazakuqubha kweli hlobo ukuba:

-basebenzise iimpahla zokuqubha kuba ezesiqhelo zenza ubunzima emanzini.

-mazihlale zikufuphi iinombolo zabeenkonzo ezingxamisekileyo.

-uqubhe kwiindawo apho bakhoyo abahlanguli baselwandle.

-xa amatye asenxwemeni lolwandle efumile, yazi ukuba amaza ayafikeleleka.

-sukuqubha uwedwa.

-abantwana mabangaqubhi bebodwa.