Ominyaka elithoba uziqaqambisa koonobuhle

Songo Mbali Ndinga (9) waseMthatha ongenele uMiss Global Princess SA.

Intwazana eneminyaka elithoba (9) kuphela yaseMthatha, uSongo Mbali Ndinga, sele eqalisa ukuzakhela igama njengoko ilukhuphiswano lwesithathu olu kulo unyaka engenela oonobuhle.

USongo ungenele uMiss Global Princess SA 2023. Ukhuphiswano luza kuba ngomhla wama27 kwinyanga ezayo uyokutsho kumhla wokuqala kuCanzibe kulo nyaka.

Le ntwazana ithi oyena mntu ejonge kuye kweli candelo nguMiss SA ka2020 uZozibini Tunzi, nazibona enguye ngenye imini.

Uthi eyona njongo yokuba angenele kukuba ufuna nabanye abantwana abangangaye balandele amaphupho abo besekule minyaka. Uthi ukwabonisa ukuba ukuze ube uqala iphupho lakho onalo akunyanzelekanga liqale ebudaleni.

USongo uqale ukungenela ngo2021 kuMiss Mthatha ekwabo bangaphantsi kweminyaka eyi13, ze waphumelela kwindawo yesibini.

Ngo2022 uphinde wangenela uMiss International Junior South Africa bengenela bezintwazana ezingama34 kodwa wakwazi ukuba kwabo bakwiTop 10.

Le ntwazana iphantsi koqeqesho lweBright Stars Model Academy. Iintsuku aya ngazo kuqeqesho nguMgqibelo phakathi kwentsimbi yeshumi kusasa neyokuqala emini.

UAyanda Ndinga nongumama kaSongo, nosoloko ethe gqolo ukunika inkxaso intombi yakhe, uthi uyazidla ngosana lwakhe kwaye uyakuhlala ezidla ngalo. Uthi bayaqinisekisa ukuba umsebenzi wesikolo womntwana awuphazamiseki.

Xa ufuna ukumvotela ungena kwilink kaMiss Global Princess SA: missglobalprincesssouthafrica.co.za.