‘Omnye wabo uthe uzakundibulala kuba ndinenkani njengoMongameli Zuma’

Usomashishini waseMonti uPhumelele Tosana Dyasi ubethwe ngamadoda amabini amhlophe UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

USOMASHISHINI omnyama waseMonti ubethelwe oogqirha nezicaka ngamadoda amabini amhlophe kwisehlo “sobuhlanga” esiphenjelelwe “yinkani neempazamo” zikaMongameli Jacob Zuma.

UPhumelele Tosana Dyasi (63) uthi malunga nentsimbi yeshumi ngokuhlwa kwangoLwesihlanu, ngethuba eqhuba isithuthi sakhe esuka kwishishini lakhe, uvule isango lomzi wakhe oseGonubie. Njengesiqhelo, xa uDyasi evula isango lakwakhe izinja zakhe ezilulamileyo ezimbini ziye zisondele ngasesangweni, maxa wambi zide ziphume ngaphandle kweyadi.

“Ndithe ndakubona ukuba ziphume ngaphandle, ndakhawuleza ndazibizela ngaphakathi. Ngelothuba ke, ndibone amadoda amabini amhlophe angoomakhelwane bam bethukisela. Ndisajonge leyo bavele bakhaba elinye lamacango eyadi yakwam lavuleka.

“Bangenile bethukisela benjalo besithi kutheni izinja zam ziyabula esitalatweni. Omnye kubo ebephethe umpu, wabe endoyikisa esithi uzakudubula izinja zam azibulale emva koko adubule mna. Bebendithuka bekwathi ndisisiyatha sikaKaffir,” utsho uDyasi.

“Ndibayalele ukuba bandikhwelele kwiyadi yakwam kodwa bala. Baqalise ukundibetha ngamanqindi, bekwandikhaba de ndabe kanti ndiyawa phantsi. Omnye wabo uthe uzakundibulala kuba ndinenkani njengoMongameli Zuma,” utshilo uDyasi.

UDyasi ukwathe omnye kula madoda uye wamtshicela ebusweni ngamathe. “Eyona nto bayithethayo bathi ndidelela njengoZuma futhi iingcingane zam zifana nezikaZuma,” utsho uDyasi.

Ngenxa yokopha ebusweni, uDyasi uye wanyanzeleka ukuba asiwe esibhedlele. Lo somashishini ukwavule ityala kumapolisa aseGonubie.

Isithethi samapolisa uWarrant Officer Hazel Mqala ungqinile ukuba ityala livuliwe emapoliseni. “Amapolisa aphanda amatyala amathathu: elokubetha njenjongo yokonzakalisa, elokukhomba ngompu kwanelokungena emzini womntu ngaphandle kwemvume,” utshilo uMqala.

Enye kula madoda ivumile ukuba imhlasele uDyasi “kuba nguye oqale wasibetha, emva koko wakhupha imela.”

“Into ebesiyibuza kuye yile yokungakhathaleli izinja zakhe. Ewe nditshilo kuye ukuba unenkani njengoZuma. NjengoZuma, yonke nje into embi ayenzayo (uDyasi) uyasinda,” itshilo le ndoda, nesingenakuyichaza nanjengoko ibingekaveli enkundleni.

UDyasi uwaphikile amabango okuba uwabethile la madoda, futhi ukwathe akakhange akhuphe mela yena.

UDyasi uthi uhleli eGonubie ukusukela ngo1999 kwaye lityeli lokuqala egagana nesehlo esifana nesi sangoLwesihlanu. Lo kaDyasi ukwatyhole la madoda mabini “ngobuhlanga” esithi athe gqolo ukuthuka abantu abamnyama abahlala kule ndawo yeengcungcu.

UDyasi ukwathe ufuna ubulungisa ngesehlo esimehleleyo.