Ona-78 woyise ikhorona!

USodolophu waseMalahleni uNontombazana Koni

INKOSIKAZI eminyaka engamashumi asixhenxe anesibhozo yaseCacadu nebiyinxalenye yabantu abebosulelwe sisifo seKhorona kumngcwabo owawubanjwe ngoKwindla, eBankies, iphilile. 


Oku kothuse uninzi oluquka ooGqirha, abongikazi kuquka nosodolophu waseMalahleni uNontombazana Koni noyinxalenye yedabi lokutshabalalisa ukunwenwa kwesi sifo. 


Ingxelo zoogqirha kweli nakwihlabathi bezithe abantu ababudala bungaphezu kweminyanga engamashumi amathandathu basesichengeni, kwaye oku ngenene kubonakele kwiindawo ezininzi zehlabathi.


Evakalisa imivuyo yakhe ngenxa yoku, usodolophu waseMalahleni uNontombazana Koni, uthi ebengazazi ukuba makacinge ntoni.


 “Okona kundivuyisa kakhulu kukuba amehlo oko ebejonge kuye lo mama, kusithwa ngenxa yobudala bakhe angahle angaliphumeleli idabi lokulwa nesi sifo, rhoqo xa kukho omntu obhubhileyo besisoloko sicinga ngaye, sivuya kakhulu,” kutsho uKoni.


Isiganeko sokosulelana kwabantu emngcwabeni eBankies kwaWadi 10, eMalahleni, kutsale amehlo kazwelonke, kubeka lo masipala phantsi kweliso elibukhali.

 

“Uhlobo ebebengenathemba ngalo aba bantu ukungena kwabo apha, ndikhumbula besibuza ukuba kutheni sibanyanzela, bebuza ukuba kutheni sibabizela amapolisa, namhlanje yonke lo nto bayayihleka kuba baphilile,” kutsho uKoni.

UKoni ukhuthaza intsebenziswano phakathi koluntu nokuthotyelwa kwemiqathango emiselweyo. 


“Kumele ukuba sonke sifunde ukuhlamba izandla, siqelelane, siyeke ukuyabula sithobele yonke le miqathango,”

utsho uKoni.


Ekuqaleni kwale veki, abongikazi kwisibhedlele saseGlen Grey eMalahleni baqhube uqhankqalazo bengavumi kungena kumagumbi okusebenza emva kokuba betyhola urhulumente ngokufaka abantu abosulelwe yiKhorona kwiindawo zabo zokuhlala.

 

Ilizwe loMzantsi Afrika linabantu abakumawaka asibhozo namakhulu amabini abosulelwe sesi sifo, logama belikhulu namashumi amathandathu ananye abasele bebhubhile ngenxa yeKhorona.