‘Ongafuni mfundo makagoduke’

LIBONAKALA limfiliba ikamva labafundi kwiiYunivesithi zoMzantsi Afrika emva kombhodamo kwanezidubedube ezikhokelele ekuvalweni kwamanye amaziko kule veki.

Abafundi baseFort Hare bathi soze babuyele kumagumbi okufunda de kube kanti isekela ngqonyela yeli ziko-mfundo uGqirha Mvuyo Tom uyaphendula kwizikhalazo zabo.

Esizikithini sezikhalazo zabafundi ngumba wemfundo engahlawulelwayo. EFort Hare, lo mba ukhatshwa nazezinye iimfuno eziquka inkqubo yothutho lwabafundi simahla (ukusuka kwindawo yokuhlala ukuya esikolweni) kwanenkxalabo yokuba amaxabiso eendawo zokuhlala axhome kakhulu.UTom ukhuphe imbalelwano egunyazisa abafundi ukuba baye kumagumbi okufundela kusasa ngentsimbi yesibhozo izolo (ngoLwesithathu), okanye baphume baphele kwiindawo zokuhlala zaseFort Hare ukuba abasithobeli esi sigunyaziso.

Emva kwemini izolo, iFort Hare iphinde yakhupha enye imbalelwano eyalela abafundi ukuba baphume baphele kwiindawo zabo zokuhlala. Le mbalelwano iyalela abafundi ukuba bayokubuya ngomhla weshumi elinanye kweyeDwarha. Abafundi bawunyevulele lo myalelo. Ngokuhlwa izolo, iinkokeli zabafundi ziye zadibana eMonti ziyalela oogxa babo ukuba bahlale kwiindawo zabo bangawuthobeli umyalelo kaTom.Abafundi bathi endaweni yokuba oomanejala baseFort Hare babanike iholo ukuze baxoxe iingxaki zabo, baye babizelwa amapolisa.“Endaweni yokusinika iholo, oomanejala basibizele amapolisa ukuze asidubule,” utshilo uSinalo Haarmans webhunga labafundi phantsi kombutho iYoung Communist League. Owongamele isikhokelo sabafundi eFort Hare eMonti uSonwabiso Mamnkeli uthi abazukugoba phondo kwizinyanzeliso zabo. “Sakubuyela kumagumbi okufunda xa sifumene impendulo esanelisayo,” utshilo.

KwiYunivesithi iRhodes, amapolisa kunyanzeleke ukuba asebenzise iimbumbulu zerabha ngethuba loqhankqalazo labafundi. Abanye abafundi eRhodes, baye babanjwa.

ENelson Mandela Mandela Metropolitan eBhayi, izifundo azikhange ziqhubeke emva kokuba abasemagunyeni bekhuphe imbalelwano ethi abafundi nabasebenzi bazakwaziswa xa izinto zibuyele kundalashe. KwiYunivesithi iWalter Sisulu, abafundi abalungenelanga uqhankqalazo.

Ukanti kwiYunivesithi yaseKapa nazo izifundo zime ngxi kwaye ingqonyela enguMax Price sele ithe akuzokuthweswa zidanga ekupheleni kwalo nyaka kwaye ukuba uqhankqalazo luyatsala ngapha kwenyanga basenokumisa zonke izifundo zalo nyaka; kuqalwe phantsi kulo nyaka uzayo.