Ongekakuva ukutya kwam, makeze azozivela, utsho uNcumisa!

UNcumisa Somakepu ngumnikazi weNcumisa Home Stay eyindawo yabakhenkethi eSajonisi. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Ukhenketho yeyona nto ephambili eSajonisi. Kwiminyaka egqithileyo, uNcumisa Somakepu wagqiba kwelokuba aziqalele ishishini lokupheka nelokuhlalisa iindwendwe ezityelele eSajonisi. Oku wakwenza emva kokudinwa kukujikeleza nabakhenkethi njengomncedi wabo akwenze iminyaka. Zange kube nzima kuye ukuqala iNcumisa Home Stay ngoba abantu bakuNoqhekwane baphila ngoshishino abalenza kwezokhenketho.

Kwiveki ephelileyo uNcumisa wamkele iintatheli ebezijekeleza imimandla esenxwemeni ngelizama ukukhuthaza ukhenketho. Zonke zimke izisu zihluthi mpu futhi zimunca iintupha ngenxa yesandla esihle sikaNcumisa owaziwayo kakhulu ngeshishini lakhe lokupheka. “Ndaqala ukupheka ngo2016 emva kokudinwa ngumsebenzi wokunceda abakhenkethi. Ukwenza into enye kwaye kwandidina.

“Ndagqiba kwelokuba ndivule ikhaya lam ibe yindawo yokulala iindwendwe,” utshilo uNcumisa. Okuncomekayo ngeshishini lakhe kukuba kuxhamla abantu abaninzi elalini yakuNoqhekwane ethe ngcu phezu kolwande kude kufuphi nedolophi.

Wangena kwishishini lokukwamkela abakhenkethi eyazi ngqo into efuna ukwenziwa ukuze abakhenkethi bafumane imfudumalo nolonwabo.

“Ndazibona izinto ezazibetha abantu abangaphambili kum ndisahamba nabakhenkethi. Umama wam yayingomnye woomama abalishumi ababesenza le nto ndiyenzayo ngoku. Mna ndaqonda ukuba mandiyenze bhetele kunabo. Njengokuba ndifikelwa ziindwendwe, abantwana abaxhentsayo baye bazokonwabisa abantu.

“Kanti bona abalobayo bandithengisela iintlanzi elwandle batsho bafumane imali,” utshilo uNcumisa ophumelele iwonga leyona ndawo yabakhenkethi egqwesileyo.

Ukhenketho luhamba nokhuseleko. Ngethamsanqa, kuNoqhekwane akukho ngxaki ngoba abantu bokuhlala baluthathela kubo uxanduva lokukhusela iindwendwe. Into emnandi kukuba akuxhamli umntu omnye kwishishini likaNcumisa lokupheka nelokulalisa abantu.

“Singabantu balapha kuNoqhekwane siyasebenzisana. Xa kufika iindwendwe apha kuzuza nabanye abantu abathengisa izinto ezenziwe ngezandla, abalobayo naba bamasaja abantu ngabalapha bonke,” utshilo uSomakepu ozithembileyo ezikweni lakhe nakubeni ishishini likhe laphazanyiswa yiKhovithi.

“Ndifuna ukuthi ebantwini mabazizele apha bangavi ngobaliselwa. Ndiqinisekile ukuba naye uza kubalisela abanye. Ndilithembile iziko lam,” uvale ngaloo mazwi.

KwaNcumisa kufumaneka ukutya okuntlobontlobo: umngqusho, umqa, imifino/isigwampa, isophu, irayisi, inyama yenkukhu (umleqwa), inyama yenkomo neyegusha nezinto ezilotywe elwandle.

UNcumisa ufumaneka kule nombolo yomnxeba: 076 884 9686.