Ongenele uMrs BCM uzipholisa amanxeba

USiphokazi Vanessa Mpofu ngumbhali wencwadi yesiXhosa ethi Zajik’izinto, ukwangusihlalo wombutho iZibazana Women Association osele eneminyaka elishumi ebuye emzini, ngoku ukumagqibela kankqoyi kukhuphiswano loonobuhle lwabatshatileyo uMr & Mrs BCM 2022.

UMpofu (45) waseMdantsane nongumama wabantwana abathathu, okwangumakhulu kubazukulwana bakhe ababini, nokwalilungu lekomiti kuwadi 3 kwicandelo labakhubazekileyo, uthi ukhule engenela oonobuhle.

Uthi uthabathe esi sigqibo sokungenela uMRS BCM 2022 ukuzama ukupholisa amanxeba entliziyo yakhe nanjengoko ekhule engenela, waze xa eneminyaka elishumi elinanye (11) waba lixhoba lokudlwengulwa emva koko uthi zange aphinde abe nako ukuzithemba kwanokuhamba ngokuzidla eqongeni.

Kodwa uthi emva kwale minyaka ingama35 ubone ukuba makazithembe kwaye abuyise ubuyena bakhe ngokuthi abuyele eqongeni.

Le nkosikazi ithi ngoku sele isisithethi sasesidlangalaleni apho inceda amaxhoba odlwengulo kwanamaxhoba empathombi kubudlelwane, nakwenza oku mahala kuba injongo ikukupholisa iintliziyo zabo zityumkileyo kwanokhulisa isizwe esiphilileyo.

“Emva kokubona eli thuba likaMrs BCM, ndivuye ndathi nalo lifikile ixesha lokuba ndiphile ngaphakathi, kuphole amanxeba. Kwaye ndikwafuna nokupholisa amanxeba wabasemitshatweni, nababuya emitshatweni nabangekho mitshatweni kodwa bexhaphazeka. Ndize kuni nina nifana nam ukuba nivuthulule niphakame, nibuyise ubunina benu,” utshilo uMpofu.

Uthi mininzi imingeni aye wajongana nayo emtshatweni, athi ijongene naye wonke umfazi. Uthi watshata nomyeni wakhe emazi kwaye enethemba lokuba uza kutshintsha.

“Uthando luyamfamekisa kwaye likwenza ukuba ungajongi kamva lenu koko ujonge ezinyaweni, ibe ngathi angatshintsha endaweni yoko ziye zisonyukela iingxaki. Nam ndizibeka ityala kuba ndahlala ndanyamezela emtshatweni endicinga ukuba uza kutshintsha kodwa zange kube njalo. Ukuba ndandiphume kwangethuba ngesele kukuninzi okuhle endakwenza ebomini bam. Ngena emtshatweni uqinisekile kwaye ulwenzile uphando lokukhula kwakhe umyeni wakho ngoku naningekadibani,” utshilo uMpofu.

Umsitho lo uza kubanjwa kwinyanga yeThupha ngomhla we20 eMonti, nangona nje indawo uza kubanjelwa kuyo ingekabhengezwa. Iinkcukacha ezipheleleyo malunga nendawo kwanelinki yokuvota, landela uSiphokazi Mpofu kumakhasi onxibelelwano.

Umsunguli kaMr & Mrs BCM 2022 ngusaziwayo kumculo wezokholo uUnathi Ndzube.

Injongo kaMrs BCM 2022 kukunika ithemba, ukuvuthulula, ukuthuthuzela kwaye nokuvuselela amaphupha.