Onwabise abantu ngengoma AmaRasta, eGinsburg

Olu lusuku
abantu bonke belizwe loMzantsi Afrika, ngokwahlukana kweentlanga, abakhumbula
ngalo imvelaphi yabo, izithethe namasiko wabo.

Lusuku abazikhumbuza
ngobubona babo baphinde bakhangele indlela abanokuthi bahlanganise indlela abanokuphila
yamandulo neyale mihla. Ulutsha
nabantu abadala badibene eSteve Boko Centre, kwindawo yaseGinsburg, apho
bazonwabise khona ngengoma.

Iqela
lomculo lamaRasta elibizwa ngokuba yiDo Good lonwabise ulutsha ngeengoma zalo ezifana
nezi: AmaRasta aphek’ipapa ivuthwe, iVili liyajika-jika.

Akuphelelanga
apho ngoba abelene nabantu baseGinsburg ngeemfundiso zawo zobuRasta.

 Kwakulo
mnyhadala kulindeleke ukuba kubekho iinkcubabuchobo zemiba yesiNtu nemvelaphi yabantu
abamnyam, bafundise ulutsha nabantu ngokubaluleka kwezithethe namasiko
ezimpilweni zabo nje ngokubanzi.